Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Genesis

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50

1 Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendlwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;

2 ndikwenze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo;

3 ndibasikelele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.

4 Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanti ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.

5 UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.

Genesis 12:5 - Call of Abraham
Call of Abraham
6 UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.

7 UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.

8 Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.

9 Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.

10 Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.

11 Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.

12 Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.

13 Uze uthi, ungudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.

14 Kwathi, akufika uAbram eYiputa, ambona amaYiputa umfazi ukuba uyinzwakazi.

15 Bambona abathetheli bakaFaro, bamdumisa kuFaro; umfazi wasiwa endlwini kaFaro.

16 Wamphatha ngokulungileyo uAbram ngenxa yakhe; wanempahla emfutshane, neenkomo, namaesile, nabakhonzi, nabakhonzazana, neemazi zamaesile, neenkamela.

17 UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram.

18 UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?

19 Yini na ukuba uthi, ngudade wenu? Ndamthabatha ukuba abe ngumfazi wam. Ngoku ke nanko unikakho, mthabathe uhambe.

20 UFaro wawawisela umthetho amadoda ngaye; amkhapha yena nomkakhe, nezinto zakhe zonke.

<< ← Prev Top Next → >>