Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Genesis

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50

1 UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo.

2 Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.

3 Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.

4 Wabawisela umthetho esithi, Nothi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;

5 ndineenkomo namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumele ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.

6 Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omane.

7 Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.

8 Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.

9 Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsake, Yehova, uthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.

10 Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.

11 Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.

12 Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho nidyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.

13 Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;

14 iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi neegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,

15 neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mane, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.

16 Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa. Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.

17 Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakubuza ngokuthi, Ungokabani na? Uya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho?

18 wothi, Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.

19 Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nothetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.

20 Kananjalo nothi, Nanko mkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibubone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.

21 Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.

22 Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzanzana bakhe bobabini noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko le Yabhoki.

23 Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.

24 UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.

25 Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.

26 Yathi, Ndindulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.

27 Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.

28 Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.

29 Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam? Yamsikelela khona.

30 UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli; kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.

Genesis 32:30 - Jacob Wrestles With Angel
Jacob Wrestles With Angel
31 Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.

32 Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.

<< ← Prev Top Next → >>