Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Eksodus

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus Levitikus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40

1 Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.

2 Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova?

3 Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?

4 UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye.

5 Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe.

6 Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli.

7 Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?

8 UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim.

9 Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki;

10 bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli.

11 Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki.

12 Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona.

Eksodus 17:12 - Aaron Holding Moses\' Arm
Aaron Holding Moses\' Arm
13 UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.

14 Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu.

15 UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam.

16 Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.

<< ← Prev Top Next → >>