Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Eksodus

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus Levitikus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40

1 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

2 Khangela, ndibize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;

3 ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;

4 ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,

5 nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.

6 Yabona, mna ndimkhuphe kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuza bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:

7 intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,

8 netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke, nesibingelelo sokuqhumisela,

9 nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

10 nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;

11 neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benze njengako konke endikuwisele umthetho ngako.

12 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

13 Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;

14 niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.

15 Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.

16 Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.

17 Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.

18 Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.

<< ← Prev Top Next → >>