Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Levitikus

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Eksodus Levitikus Numeri

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27

1 Ke ukuba umsondezo wakhe ungumbingelelo woxolo: ukuba uwusondeza ungowasezinkomeni, nokuba yeliduna, nokuba yelithokazi, wolisondeza ligqibelele phambi koYehova.

2 Maze acinezele entlokweni yomsondezo wakhe ngesandla sakhe, awuxhelele emnyango wentente yokuhlangana; oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi bajikelezise esibingelelweni;

3 asondeze ukudla kwasemlilweni kuYehova, ethabathe embingelelweni woxolo; umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini, nezintso zombini,

4 nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni.

5 Boqhumiselangezo nto oonyana baka-Aron esibingelelweni phezu kwedini elinyukayo, eliphezu kweenkuni eziphezu komlilo. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

6 Ukuba umsondezo wakhe ngowasempahleni emfutshane, ungumbingelelo woxolo kuYehova, nokuba yeliduna, nokuba yelithokazi, wolisondeza ligqibelele.

7 Ukuba itakane elo lisondezwayo lingumsondezo wakhe, wolisondeza phambi koYehova,

8 acinezele phezu kwentloko yomsondezo wakhe ngesandla sakhe, awuxhelele phambi kwentente yokuhlangana; oonyana baka-Aron balitshize igazi, bajikelezise esibingelelweni.

9 Wosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova, ethabathe embingelelweni woxolo inqatha lawo, umsila uphela ewunqamla kuntlahlahlungulu, nomhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini,

10 nezintso zombini, nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni.

11 Woqhumisela ngezo nto umbingeleli esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni kuYehova oko.

12 Ke ukuba umsondezo wakhe uyibhokhwe, woyisondeza phambi koYehova,

13 acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yayo, ayixhelele phambi kwentente yokuhlangana; oonyana baka-Aron balitshize igazi layo, bajikelezise esibingelelweni.

14 Wosondeza ukudla kwasemlilweni kuYehova, ethabathe emsondezweni wakhe umhlehlo ogubungele izibilini, namanqatha onke asezibilinini, nezintso zombini,

15 nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni.

16 Woqhumisela ngezo nto umbingeleli esibingelelweni. Kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo.

17 Onke amanqatha ngakaYehova. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke, ukuba ningadli nqatha nagazi.

<< ← Prev Top Next → >>