Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Duteronomi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Numeri Duteronomi UYoshuwa

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34

1 Xa kuthe kwafunyanwa obuleweyo kuwo umhlaba akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uwume, equngquluzile endle, akwaziwa ukuba ubulewe ngubani na:

2 ophuma amadoda amakhulu akowenu, nabagwebi bakowenu, alinganise, asingise emizini emjikelezileyo lowo ubuleweyo.

3 Kothi ke, umzi osondeleyo kobuleweyo, amadoda amakhulu aloo mzi athabathe ithokazi lenkomo, elingasetyenziswanga, elingatsalanga ngadyokhwe;

4 ahle amadoda amakhulu nethokazi, aye emfuleni ohlala unamanzi, ongalinywanga, ongahlwayelwanga, alaphule intamo ithokazi emfuleni apho.

5 Bofika ababingeleli, oonyana bakaLevi; ngokuba unyule bona uYehova uThixo wakho, ukuba balungiselele kuye, basikelele egameni likaYehova; kume ngokomlomo wabo ukubambana konke, nokubetha konke.

6 Onke amadoda amakhulu aloo mzi usondeleyo kobuleweyo ozihlamba izandla zawo phezu kwethokazi, elaphulwe intamo emfuleni apho;

7 aphendule, athi, Izandla zethu aziliphalazanga eli gazi, namehlo ethu akabonanga;

8 camagu, Yehova, kubantu bakho amaSirayeli owawakhululayo; musa ukubeka igazi elingenatyala phakathi kwabantu bakho amaSirayeli. Bolicanyagushelwa ke igazi.

9 Wolitshayela ke wena igazi elingenatyala, lingabikho phakathi kwakho, xa uthe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.

10 Xa uthe waphuma, waya kulwa neentshaba zakho, wazinikela uYehova uThixo wakho esandleni sakho, wathimba abathinjwa kuzo,

11 wabona phakathi kwabathinjwa intokazi emzimba mhle, wathana nca nayo, wayizeka yaba ngumkakho:

12 woyingenisa phakathi endlwini yakho, ichebe intloko yayo, inqumle iinzipho zayo,

13 iyisuse kuyo ingubo yokuthinjwa kwayo, ihlale endlwini yakho, imlilele uyise nonina inyanga iphela. Emveni koko woyingena, ube yindoda yayo, yona ibe ngumkakho.

14 Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi, uyonile nje.

15 Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:

16 kothi mini ibabela ilifa lento enayo oonyana bayo, ingabi nako ukumenza owamazibulo unyana wothandwayo, phambi konyana wothiyiweyo ongowamazibulo;

17 kuba owamazibulo, unyana lo wothiyiweyo, yomazalelela, imnike izahlulo ezibini zento yonke eya kufunyanwa inayo; ngokuba eyingqalo yokuqina kwayo, bulunge nayo ubuzibulo.

18 Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani, ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha, akabaphulaphula noko:

19 uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo;

20 bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu yinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu, ulidla-kudla, ulinxila.

21 Omgibisela ngamatye onke amadoda omzi wakowabo, afe; ubutshayeleke ububi, bungabikho phakathi kwakho, eve onke amaSirayeli, oyike

22 Xa ithe indoda yaba nesono esifanelwe kukufa, yabulawa, yaxhonywa emthini,

23 isidumbu sayo masingalali emthini. Wosingcwaba kwangaloo mini, ngokuba oxhonyiweyo usisiqalekiso kuThixo; uze ungawenzi inqambi umhlaba wakho akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ube lilifa.

<< ← Prev Top Next → >>