Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Duteronomi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Numeri Duteronomi UYoshuwa

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34

1 Makangangeni ebandleni likaYehova olinyazwe ngokutyunyuzwa amasende, nonqanyulwe ubudoda.

2 Makungangeni mgqakhwe ebandleni likaYehova; nesizukulwana sawo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova.

3 Makangangeni ebandleni likaYehova umAmon nomMowabhi; nesizukulwana sabo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova naphakade;

4 ngenxa yokuba benganikhawulelanga ngesonka nangamanzi endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa; nangenxa enokuba bakuqeshela uBhileham unyana kaBhehore, wasePetore kwa-Aram phakathi kwemiLambo, ukuba akuqalekise.

5 Akavuma ke uYehova uThixo wakho ukumphulaphula uBhileham; usuke uYehova uThixo wakho wakuguqulela isiqalekiso saba yintsikelelo; ngokuba ubekhuthanda uYehova uThixo wakho.

6 Uze ungalukhathaleli naphakade uxolo lwabo nokuhlala kwabo kakuhle, yonke imihla yakho.

7 Aze angabi lisikizi kuwe umEdom, ngokuba ngumzalwana wakho; aze angabi lisikizi kuwe umYiputa, ngokuba ube ungumphambukeli ezweni lakhe.

8 Oonyana abathe babazala, abasisizukulwana sabo sesithathu, bongena ebandleni likaYehova.

9 Xa uthe waphuma umkhosi, waya ezintshabeni zakho, uze uzigcine kwinto yonke embi.

10 Xa kuthe kwakho kuwe indoda engahlambulukileyo, ngenxa yento eyihleleyo ebusuku, yophuma iye ngaphandle kweminquba; mayingangeni phakathi kweminquba.

11 Kothi, xa kuhlwayo, ihlambe ngamanzi; ithi lakutshona ilanga, ingene ke ngaphakathi kweminquba.

12 Woba nendawo engaphandle kweminquba, uphume ke uye khona endle.

13 Uze ube nolugxa empahleni yakho; kuthi ekuhlaleni phantsi kwakho endle, umbe ngalo, uhlale phantsi, ukuselele okuphuma kuwe;

14 ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho, angaboni nto iziintloni kuwe, ajike emke kuwe.

15 Uze ungasinikeli enkosini yaso isicaka esisabele kuwe, sisuka enkosini yaso.

16 Sohlala nawe phakathi kwenu, kuloo ndawo sithe sayinyula kwelinye isango emasangweni akho, apho kusilungele khona; uze ungasixinzeleli phantsi.

17 Makungabikho ng’awukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli.

18 Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova zombini ezo zinto.

19 Uze ungambizi nzala umzalwana wakho: nzala yamali, nzala yakutya, nzala nokuba yeyani ekubizwa inzala ngayo.

20 Wobiza inzala kowolunye uhlanga; uze ungabizi nzala kumzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, kulo ilizwe ongena kulo ukuba ulime.

21 Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, uze ungalibali ukusizalisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusibiza kuwe, kube sisono kuwe.

22 Ke xa uthe wayeka, akwabhambathisa, akuyi kuba sono oko kuwe.

23 Okuphume emlonyeni wakho kugcine, ukwenze; njengoko ubhambathise ngako kuYehova uThixo wakho ngokuqhutywa yintliziyo, wakuthetha ngomlomo wakho.

24 Xa uthe wangena esidiliyeni sommelwane wakho, ungayidla idiliya uzifikisele, uhluthe, kodwa ungagaleli esityeni sakho.

25 Xa uthe wangena engqoloweni yommelwane wakho, engekavunwa, wokha izikhwebu ngesandla sakho; ungafaki rhengqa engqoloweni yommelwane wakho engekavunwa.

<< ← Prev Top Next → >>