Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 1 KaSamuweli

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

URute 1 KaSamuweli 2 KaSamuweli

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Wathetha uSawule kuYonatan unyana wakhe, nakubakhonzi bakhe bonke, ukuba bambulale uDavide.

2 Ke uYonatan, unyana kaSawule, ube emthanda kunene uDavide. UYonatan wamxelela uDavide, esithi, USawule ubawo ufuna ukukubulala; ngoko uze ukhe uzigcine kusasa, uhlale endaweni esese, uzimele.

3 Mna ndiya kuphuma, ndime ngasecaleni likabawo endle, apho ukhona, ndithethe kubawo ngawe, ndikubone oko aya kukuthetha, ndikuxelele.

4 UYonatan wathetha okulungileyo ngoDavide kuSawule uyise, wathi kuye, Makangoni ukumkani kumkhonzi wakhe uDavide; ngokuba akonanga kuwe; kuba izenzo zakhe zithe zalunga kunene kuwe;

5 umphefumlo wakhe wawenza isichenge, wambulala umFilisti, uYehova wawenzela amaSirayeli onke usindiso olukhulu; wabona nawe wavuya. Yini na ke ukuba wone kwigazi elimsulwa, umbulale uDavide kungekho sizathu?

6 Waliphulaphula uSawule izwi likaYonatan, wafunga uSawule, wathi, Ehleli nje uYehova, akayi kubulawa.

7 UYonatan wambiza uDavide; uYonatan wamxelela la mazwi onke. UYonatan wamzisa uDavide kuSawule; waba phambi kwakhe, njengangaphambili.

8 Yabuya yabakho imfazwe; waphuma uDavide, walwa namaFilisti, wawabulala kakhulu; asaba phambi kwakhe.

9 Umoya ombi kaYehova wamfikela uSawule, ehleli endlwini yakhe, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, uDavide ebetha uhadi ngesandla.

10 USawule wafuna ukumqhama nodonga uDavide ngentshuntshe. Wathi nyebelele ebusweni bukaSawule; watsho yangena intshuntshe eludongeni. Wasaba uDavide, wasinda ngobo busuku.

1 KaSamuweli 19:10 - Saul Tries to Kill David
Saul Tries to Kill David
11 USawule wathumela abathunywa endlwini kaDavide ukuba bamlinde, bambulale kusasa. UMikali, umkakhe, wamxelela uDavide, esithi, Ukuba uthe akwawusindisa umphefumlo wakho kwangobu busuku, wobulawa ngomso.

12 UMikali wamhlisa uDavide ngefestile. Wahamba wabaleka, wasinda.

13 UMikali wayithabatha imilonde-khaya, wayilalisa elukhukweni, wabeka nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo, wayigubungela ngengubo.

14 USawule wasusa abathunywa ukuba bamthabathe uDavide. Wathi yena, Uyafa.

15 USawule wasusa abathunywa ukuba baye kumkhangela uDavide, esithi, Nyukani, nize naye kum ngokhuko, ndimbulale.

16 Bangena abathunywa, O! yimilonde-khaya le iselukhukweni, nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo.

17 Wathi uSawule kuMikali, Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa, ulundulule uthsaba lwam lusinde. Wathi uMikali kuSawule, Wathi yena kum, Ndiyeke ndimke, yini na ukuba ndikubulale?

18 Ebalekile uDavide, wasinda, waya kuSamuweli eRama, wamxelela konke abekwenzile uSawule kuye. Wahamba yena noSamuweli, bahlala eNayoti.

19 Waxelelwa uSawule, kusithiwa, Nanko uDavide eNayoti ngaseRama.

20 USawule wasusa abathunywa bokumbamba uDavide. Babona ibandla labaprofeti beprofeta, noSamuweli emi engumongameli wabo. UMoya kaThixo wabafikela abathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo.

21 Waxelelwa uSawule, wasusa abanye abathunywa, baprofeta kananjalo nabo. Waphinda uSawule wasusa abathunywa bengabesithathu, baprofeta kananjalo nabo.

22 Waya naye eRama, wafika kwiqula elikhulu eliseSeku, wabuza, wathi, Baphi na ooSamuweli noDavide? Kwathiwa, Nabaya eNayoti ngaseRama.

23 Waya khona eNayoti ngaseRama, uMoya kaThixo wamfikela naye; wahamba ehamba eprofeta, wada wafika eNayoti ngaseRama.

24 Wazihluba naye iingubo zakhe, waprofeta naye phambi koSamuweli, wawa phantsi eze yonke loo mini, nobo busuku bonke. Ngenxa yoko kwathiwa, Ukubaprofeti noSawule na?

<< ← Prev Top Next → >>