Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 1 KaSamuweli

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

URute 1 KaSamuweli 2 KaSamuweli

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 UDavide wathi entliziyweni yakhe, Kaloku ndoza ndibulawe ngenye imini sisandla sikaSawule; akukho nto indilungeleyo; ke mandizisindise, ndizisindisele ezweni lamaFilisti, andincame uSawule, angabi sandifuna emideni yonke yamaSirayeli, ndisinde ke esandleni sakhe.

2 Wesuka ke uDavide, wawela yena namadoda angamakhulu amathandathu abenawo, waya kuAkishe, unyana kaMahoki, ukumkani waseGati.

3 UDavide wahlala noAkishe eGati, yena namadoda akhe, yayileyo yanendlu yayo; uDavide enabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali waseKarmele, umkaNabhali.

4 Waxelelwa uSawule ukuba uDavide ubalekele eGati, akaba saphinda amfune.

5 Wathi uDavide kuAkishe, Ukuba ke ngoku undibabale, ndinike indawo komnye umzi wasezweni, ndihlale khona; yini na ukuba umkhonzi wakho ahlale ndawonye nawe emzini wakomkhulu?

6 UAkishe wamnika ngaloo mini iTsikelage. Ngako oko iTsikelage yaba yeyokumkani wakwaYuda unanamhla.

7 Inani lemihla, awahlala ngayo uDavide ezweni lamaFilisti, laba ngumnyaka oneenyanga ezine.

8 Ke kaloku wenyuka uDavide namadoda akhe, bawangenela amaGeshure, namaGezere, nama-Amaleki; ngokuba abo bebengabemi belizwe elo, bekuhanjwa kulo ukuyiwa eShure, kuyiwe nasezweni laseYiputa, kususela kwakudala.

9 UDavide walitshabalalisa elo zwe; akasindisa ndoda namfazi. Wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namaesile, neenkamela, neengubo, wabuya weza kuAkishe.

10 Wathi uAkishe, Khe nahlasela phi na namhlanje? Wathi uDavide, Sibe singenele elasezantsi lakwaYuda, nelasezantsi lamaYerameli, nelasezantsi lamaKeni.

11 UDavide akasindisanga ndoda namfazi, ungamsayo eGati, ngokuthi, Hleze basixele, bathi, Wenjenje uDavide. Lalinjalo ke isiko lakhe yonke imihla abehleli ezweni lamaFilisti.

12 UAkishe wakholwa nguDavide, wathi, Ugqibile ukuzinukisa ebantwini bakowabo kwaSirayeli; woba ngumkhonzi wam ke ngonaphakade.

<< ← Prev Top Next → >>