Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 2 KaSamuweli

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

1 KaSamuweli 2 KaSamuweli 1 YooKumkani

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24

1 Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini.

2 Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.

3 Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli.

4 Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwe into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.

5 Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe?

6 Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye.

7 Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho.

8 Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki.

9 Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye.

10 Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.

11 Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;

12 bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.

13 Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.

14 Wathi uDavide kuyo, Utheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?

15 UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.

16 Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho ulingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.

17 Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,

18 wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.

19 Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho! Hayi, ukuwa kwamagorha! Musani ukuxela eGati;

20 Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon, Hleze zivuye iintombi zamaFilisti, Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo.

21 Nina zintaba zaseGilibhowa, Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo; Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha, Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.

22 Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha, Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva, Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.

23 USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi, Nasekufeni kwabo abahlukananga. Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga, Babenamandla ngaphezu kweengonyama.

24 Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule, Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa; Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.

25 Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe! UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho

26 Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; Ubumnandi kakhulu kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.

27 Hayi, ukuwa kwamagorha! Adakile amadoda okulwa!

<< Prev Top Next → >>