Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 2 KaSamuweli

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

1 KaSamuweli 2 KaSamuweli 1 YooKumkani

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24

1 UDavide egqithile kancinane encotsheni yenduli, nanko uTsibha, umfana wakwaMefibhoshete, emkha wulela, enamaesile amabini ebotshiwe, ebekwe izonka ezimakhulu mabini, nekhulu lezicumba zeerasintyisi, nekhulu leziqhamo zasehlotyeni, nentsuba yewayini.

2 Wathi ukumkani kuTsibha, Uthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango.

3 Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba uthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo.

4 Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani.

5 Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa.

6 Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye.

7 Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo;

8 uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyele ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi.

9 Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko.

10 Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo?

11 Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova.

12 Mhlawumbi uYehova angabukhangela ubugwenxa bam, uYehova andibuyisele okulungileyo, esikhundleni sokutshabhiswa kwam namhla.

13 UDavide wahamba ngendlela namadoda akhe; uShimehi ehamba ecaleni lentaba elilunge naye, engaphesheya; wahamba etshabhisa, wamxuluba ngamatye emalunga naye, emphosa nothuli.

2 KaSamuweli 16:13 - Shimei Curses David
Shimei Curses David
14 Ukumkani nabantu bonke abanaye beza eAyefim, bakha baphefumla khona.

15 Ke kaloku uAbhisalom nabantu bonke, amadoda akwaSirayeli, beza eYerusalem, benoAhitofele.

16 Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani.

17 Wathi uAbhisalom kuHushayi, Yinceba yakho na le kumhlobo wakho? Yini na ukuba ungabambi nomhlobo wakho?

18 Wathi uHushayi kuAbhisalom, Hayi, onyulwe nguYehova nangaba bantu, nangamadoda onke akwaSirayeli, ndoba ngowakhe mna, ndihlale naye mna.

19 Kananjalo ndibe ndifanele ukukhonza bani na? Bendingafanele kukhonza phambi konyana wakhe na? Njengoko ndakhonzayo phambi koyihlo, ndiya kwenjenjalo phambi kwakho.

20 Wathi uAbhisalom kuAhitofele, Khanenze icebo, ukuba siya kwenza ntoni na.

21 Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Ngena kumashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukuba agcine indlu, eve onke amaSirayeli ukuba uzinukisile kuyihlo, zomelele izandla zabo bonke abanawe.

22 Bamtwabululela uAbhisalom intente phezu kwendlu; wangena uAbhisalom kumashweshwe kayise emehlweni amaSirayeli onke.

23 Ke kaloku icebo lika-Ahitofele, abecebisa ngalo ngaloo mihla, belinjengelobuze kwilizwi likaThixo; belinjalo lonke icebo lika-Ahitofele kuDavide nakuAbhisalom.

<< ← Prev Top Next → >>