Izhibhalo Ezingcwele, 2 YooKumkani, Chapitre 10. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10323&pid=14&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 2 YooKumkani

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

1 YooKumkani 2 YooKumkani 1 YeziKronike

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25

1 Waye uAhabhi enoonyana abamashumi asixhenxe kwaSamari. Wabhala incwadi uYehu, wathumela kwaSamari kubathetheli baseYizereli, kumadoda amakhulu, nakubondli bentsapho ka-Ahabhi, wathi,

2 Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nomzi onqatyisiweyo, nezikrweqe;

3 khangelani oyena ufanelekileyo, othe tye, koonyana benkosi yenu, nimbeke etroneni yoyise, niyilwele indlu yenkosi yenu.

4 Boyika kakhulu kunene, bathi, Yabonani, ookumkani bebabini abemanga phambi kwakhe; sothini na ukumisa thina?

5 Bathuma ophethe indlu, nophethe umzi, namadoda amakhulu, nabondli, kuYehu, bathi, Singabakhonzi bakho; konke oya kukuthetha kuthi, sokwenza; asiyi kumisa mntu abe ngukumkani; yenza ngokubona kwakho.

6 Wababhalela eyesibini incwadi, esithi, Ukuba ningakum, niphulaphula izwi lam, thabathani iintloko zamadoda angoonyana benkosi yenu, nizizise kum eYizereli eli xa ngomso. Ke, oonyana bokumkani, bengamashumi asixhenxe amadoda, babekwizikhulu zomzi, ezibe zibakhulisa.

7 Kwathi, yakufika kubo le ncwadi, babathabatha oonyana bokumkani, babasika bengamadoda angamashumi asixhenxe, bazibeka iintloko zabo ezingobozini, bazithumela kuye eYizereli.

8 Wafika umthunywa, wamxelela, wathi, Bazizisile iintloko zoonyana bokumkani. Wathi, Zibekeni zibe ziimfumba ezimbini ngaphandle kwesango kude kuse.

9 Kwathi kusasa waphuma, wema, wathi kubantu bonke, Ningamalungisa; yabonani, mna ndaceba inkosi yam, ndayibulala; ngubani na ke lo uxabele bonke aba?

10 Yazini ke ngoku, ukuba akuyi kuwa phantsi nento yelizwi likaYehova, awalithethayo uYehova ngendlu ka-Ahabhi. UYehova ukwenzile ke oko wakuthethayo ngomkhonzi wakhe uEliya.

11 UYehu wababulala bonke abaseleyo bendlu ka-Ahabhi eYizereli, nezikhulu zakhe zonke, nabazana naye, nababingeleli bakhe, kwada akwasala kuye namnye usindileyo.

12 Wesuka wemka, waya kwaSamari; kwathi, uYehu lowo esendlwini yokucheba yabalusi, endleleni,

13 wafumanana nabazalwana baka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, wathi, Ningoobani na nina? Bathi, Singabazalwana baka-Ahaziya; siyehla, siya kubulisa oonyana bokumkani noonyana benkosikazi.

14 Wathi, Babambeni behleli. Bababamba behleli, babasika ngasemhadini wendlu yokucheba; babengamadoda angamashumi omane anamabini; akasalisa mntu kubo.

15 Uthe akunduluka khona, wafumanana noYehonadabhi unyana kaRekabhi, emkhawulela; wambulisa, wathi kuye, Ithe tye na intliziyo yakho, njengokuba injalo intliziyo yam kwintliziyo yakho? Wathi uYehonadabhi, Injalo. Wathi, Ukuba injalo ke, ethe isandla sakho. Wamnika isandla sakhe. Wamnyusa wamkhwelisa enqwelweni.

16 Wathi, Hamba nam, ubone ikhwele lam ngenxa kaYehova. Bamkhwelisa ke naye enqwelweni yakhe.

17 Weza kwaSamari, wababulala bonke abaseleyo kuAhabhi kwaSamari, wada wamtshabalalisa ngokwelizwi likaYehova, abelithethile kuEliya.

18 UYehu wabahlanganisa bonke abantu, wathi kubo, UAhabhi wamkhonza kancinane uBhahali, uYehu yena uya kumkhonza kakhulu.

19 Ke ngoko babizeleni kum abaprofeti bakaBhahali bonke, abakhonzi bakhe bonke, nababingeleli bakhe bonke. Makungabikho mntu ungekhoyo; ngokuba ndinombingelelo omkhulu kuBhahali. Bonke abathe ababakho, abayi kudla bomi. UYehu waye esenza le nto ebalalanisa, ukuze abatshabalalise abakhonzi bakaBhahali.

20 Wathi uYehu, Mmemeleni ingqungquthela engcwele uBhahali. Bayimema ke.

21 UYehu wathumela kumaSirayeli onke; beza bonke abakhonzi bakaBhahali, kwada akwasala namnye ungezanga. Bangena endlwini kaBhahali, bayizalisa indlu kaBhahali, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.

22 Wathi kumphathi wendlu yeengubo, Barholeleni bonke abakhonzi bakaBhahali iingubo; wabarholela ke iingubo.

23 Wangena uYehu noYehonadabhi, unyana kaRekabhi, endlwini kaBhahali, wathi kubakhonzi bakaBhahali, Funisisani nikhangele, hleze kubekho kuni apha omnye wakubakhonzi bakaYehova; mayibe ngabakhonzi bakaBhahali bodwa.

24 Bangena ke, baya kwenza imibingelelo namadini anyukayo. UYehu wayezimisele ngaphandle amashumi osibhozo amadoda, wathi, Indoda ethe yasindisa umntu kula madoda, ndiwazisileyo ezandleni zenu, umphefumlo wayo woba sesikhundleni somphefumlo walowo usindileyo.

25 Kwathi, xa abegqibile ukulenza idini elinyukayo, wathi uYehu kwizigidimi nakubaphathi-mikhosi, Ngenani nibabulale; makungaphumi mntu. Babaxabela ke ngohlangothi lwekrele; zabaphosa phandle izigidimi nabaphathi-mikhosi. Zaya enqabeni yendlu kaBhahali,

26 zazikhupha iintsika zendlu kaBhahali, zazitshisa;

27 zazidiliza izimiso zamatye zikaBhahali, zayidiliza indlu kaBhahali, zayenza indawo ekuyiwa kuyo endle unanamhla.

28 UYehu wamtshabalalisa ke uBhahali kwaSirayeli;

29 kodwa izono zikaYarobheham, unyana kaNebhati, awawonisa amaSirayeli ngazo, uYehu akatyekanga ekuzilandeleni, ezingamathole egolide abeseBheteli nabekwaDan.

30 Wathi uYehova kuYehu, Ngenxa enokuba ulungisile ukwenza okuthe tye emehlweni am, wenza kwindlu ka-Ahabhi njengako konke okusentliziyweni yam: oonyana bakho besizukulwana sesine baya kukuhlalela etroneni yakwaSirayeli.

31 Ke uYehu akakugcinanga ukuhamba ngomyalelo kaYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke; akatyekanga ezonweni zikaYarobheham, awawonisa ngazo amaSirayeli.

32 Ngaloo mihla waqala uYehova ukunciphisa kumaSirayeli. Wawaxabela uHazayeli emideni yonke yakwaSirayeli,

33 wathabathela eYordan empumalanga, lonke ilizwe laseGiliyadi, elamaGadi, nelamaRubhen, nelamaManase; wathabathela eArohere, engasemlanjaneni oyiArnon, elaseGiliyadi nelaseBhashan.

34 Ezinye izinto zikaYehu, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe bonke, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

35 UYehu walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari. UYehowahazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

36 Imihla uYehu awaba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, yaba yiminyaka emashumi mabini anesibhozo.

<< ← Prev Top Next → >>