Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 2 YeziKronike

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

1 YeziKronike 2 YeziKronike UEzra

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36

1 Kwathi bakubon’ ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, akomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.

2 Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova;

3 enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi.

4 Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.

5 Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki.

6 Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Ulilungisa uYehova.

7 Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungathululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki.

8 Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe.

9 Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.

10 Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.

11 Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphethe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi.

12 Wathi akuzithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye, ukuba angamtshabalalisi kuthi tu; kananjalo kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo.

13 Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.

14 Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova.

15 Izinto zikaRehabheham, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaShemaya umprofeti noIdo imboni, ngokokubhalwa kwemilibo yokuzalwa? Yayiziimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham imihla yonke.

16 URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide; uAbhiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

<< ← Prev Top Next → >>