Izhibhalo Ezingcwele, UEzra, Chapitre 2. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10405&pid=17&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UEzra

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

2 YeziKronike UEzra UNehemiya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10

1 Ngabo ke aba oonyana belizwe lakwaYuda abenyukayo, kwababethinjwe basemfudusweni, awabafudusela eBhabheli uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo;

2 abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noSeraya, noRehelaya, noMordekayi, noBhileshan, noMispare, noBhigwayi, noRelum, noBhahana. Inani lamadoda abantu bakwaSirayeli:

3 oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.

4 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.

5 Oonyana baka-Ara ibingamakhulu asixhenxe, anamanci asixhenxe anabahlanu.

6 Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini anamakhulu asibhozo, aneshumi elinye elinababini.

7 Oonyana bakaElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane.

8 Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asithoba, anamanci mane anabahlanu.

9 Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.

10 Oonyana bakaBhani ibingamakhulu amathandathu, anamanci mane anababini.

11 Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu.

12 Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini.

13 Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu.

14 Oonyana bakaBhigwayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu.

15 Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amane, anamanci mahlanu anabane.

16 Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.

17 Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, ana manci mabini anabathathu.

18 Oonyana bakaYora ibilikhulu elineshumi elinababini.

19 Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anabathathu.

20 Oonyana baseGibhare ibingamashumi asithoba anabahlanu.

21 Oonyana baseBhetelehem ibilikhulu, elinamanci mabini anabathathu.

22 Amadoda aseNetofa ibingamashumi amahlanu anamathandathu.

23 Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

24 Oonyana baseAzemavete ibingamashumi amane anababini.

25 Oonyana baseKiriyati-yeharim neKefira neBheroti, ibingamakhulu asixhenxe, anamanci amane anabathathu.

26 Oonyana baseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anamnye.

27 Amadoda aseMikimase ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.

28 Amadoda aseBheteli neAyi ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anamathathu.

29 Oonyana baseNebho ibingamashumi amahlanu anababini.

30 Oonyana bakaMagebhishe ibilikhulu, elinamanci mahlanu anabathandathu.

31 Oonyana bomnye uElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci amahlanu anabane.

32 Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.

33 Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu.

34 Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mane anabahlanu.

35 Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.

36 Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

37 Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

38 Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mane anesixhenxe.

39 Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.

40 AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabane.

41 Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

42 Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.

43 Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti,

44 oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,

45 oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,

46 oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan,

47 oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,

48 oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,

49 oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,

50 oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim,

51 oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure,

52 oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,

53 oonyana bakaBharkose, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,

54 oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.

55 Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPeruda,

56 oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,

57 oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Ami.

58 Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.

59 Ngaba abenyuka, bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adan-imere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise, nembewu yabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:

60 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.

61 Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),

62 abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.

63 Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.

64 Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amane anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;

65 ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.

66 Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mane anabahlanu;

67 iinkamela zabo ibingamakhulu amane, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.

68 Inxenye yeentloko zezindlu zooyise ekufikeni kwayo endlwini kaYehova eseYerusalem, yayizisela indlu kaThixo iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, ukuba imiswe endaweni yayo.

69 Banikela ngoko konke ababenako ebuncwaneni bomsebenzi: igolide yangamawaka amashumi amathandathu, anawaka linye eedarike, nesilivere yangamawaka amahlanu eemina, nekhulu leengubo ezingaphantsi zababingeleli.

70 Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabantu inxenye, neemvumi, nabamasango, nabakonzi betempile, emizini yakowabo; amaSirayeli onke emizini yawo.

<< ← Prev Top Next → >>