Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYobhi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UEstere UYobhi IiNdumiso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42

1 Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.

2 Wasusela uYobhi, wathi,

3 Mayidake imini endazalwa ngayo, Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwe indoda.

4 Loo mini mayibe bubumnyama, Angayinyamekeli uThixo phezulu, Kungayibengezeli ukukhanya.

5 Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa, Makulale amafu phezu kwayo; Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.

6 Obo busuku-masibubambe isithokothoko; Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka; Mabungangeni enanini leenyanga.

7 Yabona, obo busuku mabube ludlolo; Makungezi kumemelela kubo,

8 Mababuqalekise abaqalekisi bemihla, Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.

9 Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu; Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho; Bungaziboni iinkophe zesifingo;

10 Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo, Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.

11 Ibe iyini na ukuba ndingafeli embilinini, Ndingaphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?

12 Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze? Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?

13 Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola; Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla

14 Nokumkani namaphakathi elizwe, Abo bazakhelayo amanxuwa;

15 Nabathetheli abanegolide, Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.

16 Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo; Njengabantwana abangabonanga kukhanya.

17 Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa; Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.

18 Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweni-nye; Abasaliva izwi lomqhubi.

19 Omncinane nomkhulu-khona bayalingana; Ikhoboka likhululekile enkosini yalo.

20 Yini na ukuba abasebubini abanike ukukhanya, Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?

21 Abalinde ukufa, kusuke kungabikho; buselelweyo;

22 Abavuya bade bagcobe, Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?

23 Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo, Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?

24 Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma, Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.

25 Kuba ndinkwantya kokunkwantyisayo, kwaza kwandifikela, Into endinxunguphala yiyo indizele.

26 Ndathi, ndingachulumachanga ndingazolanga, ndingaphumlanga, Kweza ke ukugungqa.

<< ← Prev Top Next → >>