Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYobhi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UEstere UYobhi IiNdumiso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42

1 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,

2 Kungakudinisa na, kwakulingwa ukubhekiswa ilizwi kuwe? Engubani na onako ukuzibamba angathethi?

3 Yabona, uthethise abaninzi, Wazomeleza izandla eziwileyo;

4 Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo, Wawaqinisa amadolo agevegeve.

5 Kungokunje into ize kuwe, wadinwa; Ifike kuwe, wakhwankqiswa.

6 Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na? Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?

7 Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?

8 Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.

9 Badaka ngokuphefumla kukaThixo, Baphela ngumoya womsindo wakhe.

10 Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo, Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.

11 Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga; Amathole engonyamakazi achithakele.

12 Ndicothelwe lilizwi, Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo.

13 Ezingcingangcingeni zasemibonisweni yobusuku, Bakusindwa abantu bubuthongo obukhulu,

14 Kwandikhawulela ukunkwantya nokuthuthumela, Kwawankwantyisa amathambo am amaninzi.

15 Kwathi phe umoya ebusweni bam, Yaba namanwele inyama yam.

16 Wema, andayinakana imbonakalo yawo; Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am; Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,

17 Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo? Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?

18 Yabona, akakholwa ngabakhonzi bakhe, Nezithunywa zakhe uthi zingabaphosisi;

19 Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka, Abasiseko siseluthulini, Abatyunyuzwa njengamanundu?

20 Kusa kuhlwe, beqotywa; Badake kuphele, kungekho ugqalayo.

21 Abathi na, xa luthe lwancothulwa kubo uthambo lwentente, Bafe bengalumkanga?

<< ← Prev Top Next → >>