Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYobhi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UEstere UYobhi IiNdumiso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42

1 Umntu, into ezelwe ngumfazi, Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.

2 Uphuma njengentyantyambo, abune; Ubaleka njengethunzi, angemi.

3 Onjalo umvelela ngeliso lakho, Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?

4 Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye.

5 Imisiwe nje imihla yakhe, Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe; Umenzele ke umda wakhe ongenakugqithwa.

6 Susa amehlo akho kuye, aphumle, Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.

7 Kuba kukho ithemba emthini; Ukuba uthe wagawulwa, wobuya uhlume, Igatya lawo lingapheli.

8 Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni, Safa isibili sawo eluthulini:

9 Ngevumba lamanzi wodubula, Wenze amasebe njengesithodlana.

10 Ke yena umfo ufa angquleke; Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?

11 Amanzi aselwandle ayemka; Umlambo uyatsha, wome:

12 Umntu ulala phantsi ke, angavuki; Lide izulu lingabikho, bangaqabuki, Bangavuswa ebuthongweni babo.

13 Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, Undisithelise ude ubuye umsindo wakho; Undimisele umda, undikhumbule ke!

14 Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, Kude kufike ukukhululwa kwam.

15 Ubungabizayo ke, ndisabele mna, Uwulangazele umsebenzi wezandla zakho.

16 Kuba ngoku uyawabala amabanga am, Akuzigcinile ngenxa yesono sam.

17 Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam; Wahlomela ebugwenxeni bam.

18 Kodwa intaba, isiwa, iyagubeka; Iliwa liyashenxa endaweni yalo;

19 Amanzi ayawadla amatye; Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba; Ithemba lomntu uyalidakisa ke.

20 Uthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke; Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.

21 Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena; Baba ziimbedlenge, angagqali yena.

22 Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe, Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.

<< ← Prev Top Next → >>