Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYobhi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UEstere UYobhi IiNdumiso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42

1 Waphendula uYobhi, wathi,

2 Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.

3 Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?

4 Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko;

5 Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.

6 Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?

7 Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam.

8 Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam.

9 Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum.

10 Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa.

11 UThixo wandinikela kumakhwenkwe, Wandijulela ezandleni zabangendawo.

12 Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye.

13 Bandirhawula abatoli bakhe, Wazityanda izintso zam, engenalufefe, Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.

14 Wandenza iinduma ngeenduma, Wandigila njengegorha.

15 Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolusu lwam, Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.

16 Ubuso bam bubomvu kunene kukulila, Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;

17 Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam, Uqaqambile umthandazo wam.

18 Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam, Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam.

19 Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam; Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu.

20 Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo,

21 Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.

22 Kuba iminyaka embalwa iza kudlula, Ndihambe ke umendo endingayi kubuya ngawo.

<< ← Prev Top Next → >>