Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYobhi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UEstere UYobhi IiNdumiso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42

1 Yini na ukuba kungabekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?

2 Kushenxiswa imilimandlela; Kuphangwa imihlambi, yaluswe.

3 Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama, Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.

4 Kugilwa amahlwempu endleleni, Bazimele ndawonye abaziintsizana belizwe.

5 Khangela, njengamaesile asendle entlango, Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla; Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.

6 Esisimini bavuna ukutya kwabo, Babhikice esidiliyeni songendawo.

7 Balala ze bengenangubo, Abananto yokuzigubungela engqeleni,

8 Bayanetha sisiphango seentaba; Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzimela.

9 Kuhluthwa ebeleni iinkedama, Koniwe abaziintsizana.

10 Bahamba ze, bengenangubo; Bathwala izithungu, belambile.

11 Phakathi kweendonga zabaya bakhama ioli, Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.

12 Emizini kugula amadoda, Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala; Kanti uThixo akathi bubuhilihili.

13 Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni; Abanakwazana neendlela zako, Abahlali ezingqushwini zako.

14 Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange, Sibulale iintsizana namahlwempu; Ebusuku sibe njengesela.

15 Iliso lomkrexezi ligcine ungcwalazi; Uthi, Akukho liso liya kundalama, Anxibe isigqubuthelo ebusweni.

16 Bagqobhoza izindlu emnyameni; Emini bayazivalela, Abazani nokukhanya.

17 Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke; Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.

18 Bayakhawuleza phezu kwamanzi; Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini; Abasasingi endleleni yesidiliya.

19 Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela; Aboni bahluthwa lelabafileyo.

20 Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya, Ababi sakhunjulwa; Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.

21 Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga; Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.

22 Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe, Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.

23 Uzinika inkoloseko, zayame, Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,

24 Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho. Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke, Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.

25 Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga, Akwenze into engento ukuthetha kwam?

<< ← Prev Top Next → >>