Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYobhi

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UEstere UYobhi IiNdumiso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42

1 Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla, Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.

2 Khona abengaba ngawantoni na kum amandla ezandla zabo, Abaphelelwe ngamandla?

3 Bathe ngokuswela nokulamba banqina, Abo banqabi bomqwebedu, Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;

4 Abo baqhawula imbuwa ematyholweni, Abasonka siyingcambu yonwele.

5 Bayagxothwa phakathi kwabantu; Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;

6 Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo, Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.

7 Babhomboloza phakathi kwamatyholo, Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

8 Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama, Ababethwa bemke ezweni.

9 Kungoku ndiyingoma yabo. Ndaba kukukhuluma kwabo.

10 Ndilisikizi kubo, bakude nam; Abawanqandi amathe ebusweni bam.

11 Kuba ulucombulule uthambo lwam, wandicinezela, Bawuyeka umkhala phambi kwam.

12 Ngasekunene kuphakama ubuvuvana; Batyhala iinyawo zam, Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.

13 Bayenza amagqagala indlela yam, Bancedisa ukweyela kwam, Abangenamncedi.

14 Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni, Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.

15 Kuguqukele kum ukukhwankqisa, Kubusukela ubunene bam njengomoya; Kudlule njengelifu ukusindiswa kwam.

16 Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam; Indibambile imihla yeentsizi.

17 Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli.

18 Ngobukhulu bamandla sizenze sasisimbi isambatho sam, Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.

19 Undijulele eludakeni, Ndafana nothuli nothuthu.

20 Ndiyazibika kuwe, ungasabeli; Ndisuka ndime, undijonge.

21 Uzenza isijorha kum; Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.

22 Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo, Undibhangise nokuzongoma kwawo.

23 Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni, Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke.

24 Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na, Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe?

25 Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi? Ubungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?

26 Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi; Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.

27 Amathumbu am abila, akayeka; Yandihlangabeza imihla yeentsizi.

28 Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa; Ndaphakama ebandleni, ndazibika.

29 Ndingumzalwana weempungutye, Nomlingane weenciniba.

30 Ulusu lwam luyadlubhuka kum, lumnyama. Namathambo am atshile kukoma.

31 Uhadi lwam lwaba sisijwili, Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.

<< ← Prev Top Next → >>