Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Yini na ukuba umele mgama, Yehova, Uzifihle ngamaxesha engxingongo?

2 Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana; Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo.

3 Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe. Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba.

4 Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.

5 Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke; Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye; Bonke ababandezeli bakhe uyabafuthela.

6 Uthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa; Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.

7 Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela. Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.

8 Uhlala emilaleleni yeengqili, Agwinte omsulwa entsithelweni; Amehlo akhe azonda oludwayi.

9 Ulalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo; Ulalela ukuba axwile emke nosizana; Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe.

10 Uyabuthuma, uyabunguzela, Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi.

11 Uthi entliziyweni yakhe, UThixo ulibele, Ubusithelisile ubuso bakhe, akabonanga nento.

12 Khawusuk’ ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo. Musa ukubalibala abalulamileyo.

13 Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo, Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza?

14 Ubonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ububeke esandleni sakho; Uzinikela kuwe oludwayi; Ungumncedi weenkedama wena.

15 Yaphula ingalo yongendawo; Onobubi, mbuze okungendawo kwakhe, kungasali nento.

16 UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade; Zitshabalele iintlanga, azabakho ehlabathini lakhe.

17 Umnqweno wabalulamileyo uwuvile, Yehova; Wazizimasa iintliziyo zabo, wayibaza indlebe yakho,

18 Ukuba ugwebe ityala lenkedama noxinzelelweyo, Angabi sabangcangcazelisa umntu wasehlabathini.

<< ← Prev Top Next → >>