Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 EkaDavide. NguYehova umkhanyiseli wam nomsindisi wam, ndiya koyika bani na? NguYehova inqaba yobomi bam, ndiya kunkwantya ngabani na?

2 Bakusondela kum abenzi bobubi ukuba badle inyama yam, Bakuza ababandezeli bam neentshaba zam kum, bakhubeka bawa bona.

3 Bendingafanelana ndirhawulwe ngumkhosi isuka ingoyiki intliziyo yam; Bendingafanelana ndiphakanyelwe yimfazwe, ndisuka ndithembe noko.

4 Ndicele nto-nye kuYehova, ndifuna yona: Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, Ndibone ubuhle bukaYehova, ndiphicothe etempileni yakhe.

5 Ngokuba undigusha emnqubeni wakhe ngemini yobubi, Undisithelisa esitheni lentente yakhe, Undimisa eweni.

6 Ngoku ke iya kuphakama intloko yam phezu kweentshaba zam ezindijikelezayo, Ndibingelele ententeni yakhe imibingelelo yokuduma, Ndivume, ndibethe uhadi kuYehova.

7 Yiva, Yehova, ndakubiza ngezwi lam; Ndibabale, undiphendule.

8 Intliziyo yam ithi kuwe, kweli uthi, Funani ubuso bam, Ubuso bakho, Yehova, ndiya kubufuna.

9 Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum; Musa ukumgila umkhonzi wakho ngomsindo; Uluncedo lwam, musa ukundilahla; Musa ukundishiya, Thixo ondisindisayo.

10 Ngokuba ubawo noma bandishiyile, Wesuka uYehova wandichola.

11 Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndikhaphe emendweni othe tye, ngenxa yabandilaleleyo.

12 Musa ukundinikela elitheni labandibandezelayo, Ngokuba ndiphakanyelwe ngamangqina axokayo, nabafutha ukugonyamela.

13 Ndinge ndiphelelwe, koko bendikholwa kukuba ndokubona ukulunga kukaYehova Ezweni lobu bomi.

14 Thembela kuYehova; Yomelela, ikhaliphe intliziyo yakho, Uthembele kuYehova.

<< ← Prev Top Next → >>