Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndizimela ngawe, Yehova, mandingaze ndidaniswe; Ndisize ngobulungisa bakho.

2 Ndithobele indlebe yakho, ungxame undihlangule; Yiba liliwa eliligwiba kum, Indlu yemboniselo yokundisindisa.

3 Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe; Ngenxa yegama lakho uya kundikhapha undithundeze.

4 Uya kundirhola esibatheni ababesigqumele mna, Ngokuba uyinqaba yam.

5 Ndiwuyaleza umoya wam esandleni sakho; Uyandikhulula, Yehova, Thixo wenyaniso.

6 Ndibathiyile abagcine amampunge angento yanto. Ndikholose ngoYehova mna.

7 Ndiya kugcoba ndivuye ngenceba yakho, Ngenxa enokuba uzibonile iintsizi zam, Wazazi iingxingongo zomphefumlo wam;

8 Akwandivingcela ngesandla seentshaba, Wazimisa endaweni ebanzi iinyawo zam.

9 Ndibabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam;

10 Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam, Neminyaka yam kukuncwina; Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam, Namathambo am aluphele.

11 Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo, Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo; Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.

12 Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo; Ndinjengesitya esiza kulahlwa.

13 Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi, Ukunxunguphala ngeenxa zonke. Ekugquguleni kwabo ngam, Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.

14 Ke mna ndikholose ngawe, Yehova; Ndithi, UnguThixo wam wena.

15 Asesandleni sakho amaxesha am; Ndihlangule esandleni seentshaba zam nakwabandisukelayo.

16 Khanyisa ubuso bakho phezu komkhonzi wakho; Ndisindise ngenceba yakho.

17 Yehova, andiyi kudana, ngokuba ndinqula wena; Makudane abangendawo, bathi cwaka kwelabafileyo.

18 Mawubotshwe umlomo wobuxoki, Othetha ngelungisa ngokusa, Unekratshi, udela.

19 Hayi, ubukhulu bokulunga kwakho, obuqwebele abakoyikayo, Obenzela abazimela ngawe, ebusweni boonyana babantu!

20 Ubasithelisa esitheni lobuso bakho kumayelenqe abantu; Uyabagusha emnqubeni ekubambaneni kweelwimi.

21 Makabongwe uYehova, Ngokuba endenzele inceba ebalulekileyo emzini onqabileyo.

22 Ke mna ndathi ekuphakuzeleni kwam, Ndinqanyulwe andabakho emehlweni akho. Waliva noko izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe.

23 Thandani uYehova, nonke nina bakhe benceba; NguYehova umlondolozi wabanyanisileyo, Umphindezeli ngokukhulu kowenza ngekratshi.

24 Yomelelani, ikhaliphe intliziyo yenu Nonke nina nithembele kuYehova.

<< ← Prev Top Next → >>