Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.

2 Uya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova; Bova abalulamileyo, bavuye.

3 Menzeni mkhulu kunye nam uYehova, Siliphakamise kunye igama lakhe.

4 Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.

5 Babheka kuye, bakhazimla; Ubuso babo ababa nazintloni.

6 Usizana lwadanduluka, weva uYehova, Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.

7 Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.

8 Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye!

9 Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, Ngokuba abanakuswela abamoyikayo.

10 Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe; Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.

11 Yizani, bonyana, phulaphulani kum; Ndonifundisa ukoyika uYehova.

12 Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi, Othanda imihla yokubona okulungileyo?

13 Gcina ulwimi lwakho ebubini, Umlomo wakho ungathethi nkohliso.

14 Suka ebubini, wenze okulungileyo; Funa uxolo, uluphuthume.

15 Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.

16 Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo.

17 Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke.

18 Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo.

19 Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, Ke uYehova ulihlangula kubo bonke.

20 Uyawagcina onke amathambo alo, Akwaphuki nalinye kuwo.

21 Ububi buyambulala ongendawo; Abathiyi belungisa bayalithwala ityala.

22 UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, Bangathwali tyala bonke abazimela ngaye.

<< ← Prev Top Next → >>