Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 EkaDavide. Bambana, Yehova, nababambana nam. Yilwa nabalwa nam.

2 Qubula ikhaka nengweletshetshe, Usuk’ume undincede.

3 Rhola umkhonto, uvingce indlela yabandisukelayo; Yithi kumphefumlo wam, Ndilusindiso lwakho.

4 Mabadane, bahlazeke, abazungula umphefumlo wam; Mababuye umva babe neentloni abacinga ububi ngam.

5 Mababe njengomququ phambi komoya, Sibatyhale isithunywa sikaYehova, bawe.

6 Indlela yabo mayibe mnyama, ibe buthelezi, Sibasukele isithunywa sikaYehova.

7 Ngokuba basigqumele mna isibatha sabo ngelize; Bawumbela isihogo umphefumlo wam ngelize.

8 Mayimfikele intshabalalo engazi; Sibambise yena isibatha sakhe awasigqumayo, Eyele kuso ngesithonga.

9 Wogcoba ke umphefumlo wam kuYehova, Ube nemihlali ngosindiso lwakhe.

10 Onke amathambo am aya kuthi, Yehova, ngubani na onjengawe, Mhlanguli wosizana kowomeleleyo kunalo, Kwausizana nehlwempu kumxhakamfuli walo?

11 Kusuke kwema amangqina angenakulungisa, Andibuza into endingayaziyo,

12 Bandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo; Uxhwalekile umphefumlo wam.

13 Ke mna, xa babesifa, iingubo zam bezizezirhwexayo; Ndawucinezela umphefumlo wam ngokuzila ukudla; Umthandazo wam wabuyela esifubeni sam.

14 Ndaziphatha njengokungathi unguwethu, njengokungathi ungumzalwana kum, ukuhamba-hamba kwam; Ndanga ndingombambazelela unina, ukuthobeka kwam, ndinezimnyama zokuzila.

15 Ke ekuqhwaleleni kwam avuya, ahlangana, Ahlangana ngam amagxidolo, nendingabaziyo, Bandihlalela ngentlamba, abayeka.

16 Ngokweentshembenxa ezizihiba ngenxa yesonka, Banditshixizela amazinyo.

17 Nkosi, kunini na ubonela? Buyisa umphefumlo wam kwiintshabalaliso zabo, Okuphela kwawo ezingonyameni.

18 Ndiya kubulela kuwe ebandleni elikhulu, Ebantwini abaninzi ndiya kukudumisa.

19 Mazingandivuyeleli iintshaba zam ngobuxoki, Bangatyandelani ngoshiyi abandithiyayo ngelize:

20 Ngokuba abathethi luxolo; Bacinga amazwi enkohliso ngabanyhamnyhekileyo belizwe.

21 Bayandisinekela, Bathi, Tshotsho! Tshotsho! Abonile amehlo ethu.

22 Ubonile, Yehova; musa ukuba sisithulu; Nkosi, musa ukuba kude kum.

23 Zivuse, uphaphe ngenxa yebango lam, Thixo wam, Nkosi yam, ngenxa yento esibambene ngayo.

24 Lithethe ityala lam ngokobulungisa bakho, Yehova Thixo wam; Mabangandivuyeleli;

25 Mabangathi entliziyweni yabo, Tshotsho! Nantso into ebe siyfuna! Mabangathi, Simginyile.

26 Mabadane, babe neentloni kunye Abavuyela ububi bam; Bambathe ukudana nehlazo Abazikhulisayo kunam.

27 Mabamemelele, bavuye, abananze ubulungisa bam, Bahlale besithi, Makabe mkhulu uYehova, Ulonanze uxolo lomkhonzi wakhe.

28 Ulwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho Nendumiso yakho, imihla yonke.

<< ← Prev Top Next → >>