Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Umhobe kaDavide: eyokukhumbuza. Yehova, musa ukundohlwaya unoburhalarhume, Ungandithethisi unobushushu:

2 Ngokuba iintolo zakho zitshone kum, Sehla kanzima kum isandla sakho.

3 Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho; Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam.

4 Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam, Bundisinda njengomthwalo onzima.

5 Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam, Ngenxa yokumatha kwam.

6 Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu; Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila.

7 Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam, Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.

8 Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu; Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.

9 Nkosi yam, uphambi kwakho wonke umnqweno wam, Nokuncwina kwam akusithele kuwe.

10 Iphaphu lam liyabetha, ndiphelelwe ngamandla; Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.

11 Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam, Nezalamane zam zimi kude.

12 Bandithiyele abafuna umphefumlo wam; Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela, Bacamanga inkohliso imini yonke.

13 Ke mna ndinjengesithulu, andiva; Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.

14 Ndinjengomntu ongeva nto, Omlomo ungenakuthethisa.

15 Ngokuba ndilindele kuwe, Yehova; Kuya kuphendula wena, Nkosi yam, Thixo wam,

16 Ngokuba ndithi, Hleze bandivuyelele Bona abo bangazikhulisayo kum ekutyibilikeni konyawo lwam.

17 Ngokuba ndihlalele ukujingxela, Umvandedwa wam uphambi kwam amaxesha onke.

18 Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam; Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam.

19 Ke zona iintshaba zam ziphilile, ziziimfidi; Baninzi abandithiyileyo bexoka;

20 Abandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo Bayandichasa, ngenxa yokuphuthuma kwam okulungileyo.

21 Musa ukundishiya, Yehova; Thixo wam, musa ukuba kude nam.

22 Khawuleza undincede, Nkosi yam, Msindisi wam.

<< ← Prev Top Next → >>