Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli, kuYedutun. Umhobe kaDavide. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam, Ndingoni ngolwimi lwam; Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam, Xa ongendawo asephambi kwam.

2 Ndaba sisidenge, ndathozama, Ndazisulungisa nakokulungileyo; Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam.

3 Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam, Ekucamangeni kwam wavutha umlilo. Ndathetha ke ngolwimi lwam,

4 Ndathi, Ndazise, Yehova, isiphelo sam, Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo; Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.

5 Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho; Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)

6 Uhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa; Baxokozela ngomphunga nje kodwa; Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.

7 Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam? Ukulinda kwam kukuwe.

8 Ndihlangule elukreqweni lwam lonke; Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.

9 Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli, Ngokuba oko kwenziwe nguwe.

10 Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.

11 Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)

12 Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke.

13 Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze, Ndingekemki ndingabi sabakho.

<< ← Prev Top Next → >>