Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli: eyoonyana bakaKora: eyokuqiqa. Thixo, sivile ngeendlebe zethu, oobawo basibalisela, Ngomsebenzi owawenza ngemihla yabo, ngemihla yamandulo:

2 Okokuba isandla sakho sagqogqa iintlanga, sabatyala bona; Saviva izizwe, sabanabisa bona.

3 Ngokuba abalihluthanga ilizwe ngekrele labo, Abazisindisanga ngengalo yabo; Sisandla sakho sokunene, nengalo yakho, nokukhanya kobuso bakho; Ngokuba wawunesisa kubo.

4 Wena unguKumkani wam, Thixo; Yitsho lubekho usindiso kuYakobi.

5 Ngawe sobangqula abasibandezelayo; Egameni lakho sobagqusha abasukela phezulu kuthi.

6 Ngokuba andikholose ngasaphetha sam; Andisindiswa ngakrele lam.

7 Hayi! Nguwe osisindisayo kwabasibandezelayo, Ubadanise abasithiyileyo.

8 NgoThixo sidumisa imihla yonke, Sibulele kwigama lakho ngonaphakade. (Phakamisani.)

9 Noko ke usihlambile, usihlazile, Akwaphuma nemikhosi yethu.

10 Usibuyise umva phambi kombandezeli; Abasithiyileyo basiphangile okwabo.

11 Wasinikela njengeegusha ezidliwayo; Wasichitha-chitha ezintlangeni;

12 Wathengisa ngabantu bakho, akwazuza, Akwalinyusa ixabiso labo.

13 Wasenza isingcikivo kubamelwane bethu, Isigculelo nesicukucezo kwabasijikelezileyo.

14 Wasenza umzekelo ezintlangeni, Abokuhlunguzelelwa intloko ezizweni.

15 Yonke imihla ihlazo lam liphambi kwam, Nokudana kobuso bam kundigubungele,

16 Ngenxa yezwi lomngcikivi nomnyelisi, Ngenxa yokukhangela kotshaba nomphindezeli.

17 Oko konke kusifikele, asikulibalanga wena, Asixokanga emnqophisweni wakho;

18 Ayibuyanga umva intliziyo yethu, Ukunyathela kwethu akuthanga gu bucala emendweni wakho;

19 Ukuba usityumze endaweni yeempungutye, Usigubungele ngethunzi lokufa.

20 Ukuba besililibele igama loThixo wethu, Sazolulela kuthixo wasemzini izandla zethu,

21 Ubengayi kuyigoca-goca na uThixo loo nto, Ngokuba ezazi iindawo ezifihlakeleyo zentliziyo?

22 Hayi, Ngenxa yakho sibulawa imihla yonke; Kuthiwa siziigusha zokuxhelwa.

23 Vuka, ulaleleni na, Nkosi yam? Qabuka, ungasihlambi kuphele.

24 Ubusitheliselani na ubuso bakho, Ukulibale ukucinezelwa kwethu, nokuxinwa kwethu?

25 Ngokuba usibekeke eluthulini umphefumlo wethu, Sanamathela emhlabeni isisu sethu.

26 Khawusuk’ ume usincede, Usikhulule ngenxa yenceba yakho.

<< ← Prev Top Next → >>