Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli: ngeyeenyibiba. Eyoonyana bakaKora; eyokuqiqa. Ingoma yeentanda. Intliziyo yam iphuphuma ilizwi elihle, Ndisithi, Into endiyenzayo isingise kukumkani; Ulwimi lwam lusiba lombhali okhawulezayo.

2 Umhle wamhle ngaphezu koonyana babantu; Kugalelwe ubumnandi emlonyeni wakho; Ngenxa yoko ukusikelele uThixo wakho ngonaphakade.

3 Bhinqa ikrele lakho ethangeni, gorha, Bhinqa indili yakho nobungangamela bakho.

4 Tyhudisa, ukhwele uhambe, unobungangamela bakho, Ngenxa yenyaniso, nolulamo olunobulungisa. Sikuyale ngezinto ezoyikekayo isandla sakho sokunene.

5 Iintolo zakho zitsolile; Kuya kuwa izizwe phantsi kwakho; Zitsolile entliziyweni yeentshaba zokumkani.

6 Itrone yakho, itrone kaThixo, ingunaphakade kanaphakade; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

7 Uthanda ubulungisa, uthiye okungendawo; Ngenxa yoko ukuthambisile uThixo, uThixo wakho, Ngeoli yemihlali ngaphezu kwabalingane bakho.

8 Ziyimore nehaloti nekasiya iingubo zakho zonke; Emabhotweni eempondo zeendlovu uhadi lukuvuyisile.

9 Kukho iintombi zokumkani phakathi kwabathandekayo bakho; Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho, Enxibe igolide ecikizekileyo yakwaOfire.

10 Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho, Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;

11 Akubunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani, Woqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.

12 Intombi enguTire, izityebi zabantu, Ziya kukuncekelela ngomnikelo.

13 Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi. Isambatho sayo sesilukwe igolide.

14 Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele; Ziyilandela iintombi ezingowayo, Zisiwa kuwe,

15 Zisiwa ngovuyo nangomgcobo, Zingene ebhotweni lokumkani.

16 Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho; Uya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.

17 Ndiya kulikhankanya igama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana zonke; Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe ngonaphakade kanaphakade.

<< ← Prev Top Next → >>