Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Umhobe ka-Asafu. UThixo, uThixo uYehova uyathetha; Uyalibiza ihlabathi, ethabathela ekuphumeni kwelanga esisa ekutshoneni kwalo.

2 EZiyon, ukuphela kweenzwana, Uyakhazimla uThixo.

3 Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.

4 Ubiza izulu phezulu, Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.

5 Uthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba, Abenze umnqophiso nam ngombingelelo.

6 Izulu lixela ubulungisa bakhe, Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)

7 Yivani, bantu bam, ndithethe; Sirayeli, ndiqononondise kuwe; NdinguThixo, uThixo wakho.

8 Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho, Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.

9 Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho, Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.

10 Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi, Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.

11 Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, Nento edakasa endle inam.

IiNdumiso 50:11 - The Psalmist David: Repentance
The Psalmist David: Repentance
12 Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela; Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.

13 Ndidle inyama yeenkunzi eziziimbalasane na? Ndisele igazi leenkunzi zeebhokhwe na?

14 Bingelela kuYehova umbulelo, Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;

15 Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.

16 Ke kongendawo uthi uThixo, Useke phi na wena ukuxela ummiselo wam, Uwuphathe ngomlomo wakho umnqophiso wam,

17 Uyithiyile nje intethiso wena, Uwaphose nje amazwi am emva kwakho?

18 Xa ubona isela, ukholana nalo, Wabelane nabakrexezi.

19 Umlomo wakho uwuyekela ebubini; Ulwimi lwakho luthungela inkohliso;

20 Uthi uhlale uthethe ngomzalwana wakho, Uhlaze umntwana kanyoko.

21 Uzenzile ezo nto, ndathi tu, Waba ndinjengawe. Ndiya kukohlwaya ndizicwangcise emehlweni akho.

IiNdumiso 50:21 - The Psalmist David: Praise
The Psalmist David: Praise
22 Khaniqonde ke oko, nina bamlibalayo uThixo, Hleze ndiqwenge, kungabikho uhlangulayo.

23 Obingelela umbulelo uyandizukisa, Alungise indlela, Endombonisa kuyo usindiso lukaThixo.

<< ← Prev Top Next → >>