Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli. Umhobe kaDavide: ekuzeni kukaNatan umprofeti kuye, emveni kokuba ebengene uBhatshebha. Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam!

2 Nd’ixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, Undihlambulule esonweni sam.

3 Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.

4 Ndonile kuwe, kuwe wedwa, Ndenza okubi emehlweni akho; Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho, Ucace ekugwebeni kwakho.

5 Uyabona, ndizalelwe ebugwenxeni, Ndakhawulwa nguma esonweni.

6 Uyabona, ufuna inyaniso ezintsweni, Esitheni undazisa ubulumko.

7 Ndihlambulule isono ngehisope, ndihlambuluke; Ndixovule, ndibe mhlophe kunekhephu;

8 Ndivise imihlali nemivuyo, Agcobe amathambo owacolileyo.

9 Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, Ubucime bonke ubugwenxa bam.

10 Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.

11 Musa ukundilahla ebusweni bakho, UMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum.

12 Buyisela kum imihlali yosindiso lwakho, Undixhase ngomoya wentumekelelo.

13 Ndobafundisa abangendawo iindlela zakho, Babuyele kuwe aboni.

14 Ndihlangule emagazini, Thixo, Thixo ondisindisayo; Lomemelela ngobulungisa bakho ulwimi lwam.

15 Nkosi yam, vula imilebe yomlomo wam, Uyixele indumiso yakho umlomo wam.

16 Ngokuba akunanze mibingelelo, bendiya kukunika; Akalikholo kuwe amadini anyukayo.

17 Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo, Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.

18 Yenzele okulungileyo iZiyon ngokukholekileyo kuwe; Yakha iindonga zeYerusalem.

19 Kuya kwandula ukuba mnandi kuwe imibingelelo yobulungisa, amadini apheleleyo; Ziya kwandula ukunyuswa iinkunzi ezintsha zeenkomo esibingelelweni sakho.

<< ← Prev Top Next → >>