Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli. Eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Eyokuqiqa: ekaDavide. Wubekele indlebe umthandazo wam, Thixo, Musa ukuzifihla esikhungweni sam.

2 Ndibazele indlebe undiphendule. Ndiyaphaphatheka ekucamngceni kwam, ndincwine,

3 Ngenxa yelizwi lotshaba, Ngenxa yokuxinzelelwa phantsi ngabangendawo; Ngokuba zindiqengqela ubutshinga, Ziyandisukela ngomsindo.

4 Intliziyo yam iyazibhija-bhija phakathi kwam; Izothuso zokufa zindiwele.

5 Ukoyika nokuthuthumela kundingene; Ndigutyungelwe kukududuzela.

6 Ndathi, Andaba bendinamaphiko njengehobe! Bendiya kubaleka ndiye ndihlale!

7 Nanko ndibalekela kude, Ndilalise entlango. (Phakamisani.)

8 Bendiya kukhawuleza, ndisinde Emoyeni ovuthuzayo naseluqhwitheleni.

9 Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo; Ngokuba ndibone ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.

10 Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo; Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;

11 Ukweyelisela kuphakathi kwawo; Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.

12 Ngokuba asilutshaba olu lundingcikivayo; Bendiya kukuthwala oko. Asingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum; Bendiya kusithela kuye.

13 Nguwe, mntu ubungumlingane wam, Ikholwane lam endazana nalo,

14 Ebesicweya kamnandi, Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.

15 Ukufa makubaqubule, Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile; Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.

16 Mna ndinqula uThixo; UYehova uya kundisindisa.

17 Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine; Uya kuliva izwi lam.

18 Uwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum, Ngokuba baninzi abandichasayo.

19 UThixo uya kuva, abaphendule, Uselokwamandulo ehleli, (Phakamisani.) Abo bangenanguquko, Bangamoyikiyo uThixo.

20 Babasa isandla abaxolelene nabo; Bahlambela umnqophiso wabo;

21 Ubuthelezi njengamasi umlomo wabo, Ke yimfazwe intliziyo yabo. Athambile amazwi abongaphezu kweoli, Kanti aziintlangothi zekrele.

22 Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.

23 Wena ke, Thixo, uya kubahlisela emngxunyeni wesihogo. Abantu bamagazi nenkohliso abayi kuyiqingathisa imihla yabo; Ke mna ndikholose ngawe.

<< ← Prev Top Next → >>