Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Ingoma. Makasuk’ eme uThixo, zibe ziintsali iintshaba zakhe, Basabe ebusweni bakhe abamthiyayo.

2 Njengokuphetshethwa komsi, baphephethe; Njengokunyibilika komthwebeba phambi komlilo, Mabadake ngokunjalo abangendawo ebusweni bukaThixo.

3 Ke wona amalungisa makavuye, adlamke phambi koThixo, Abe nemihlali, enemivuyo.

4 Vumani kuThixo, libetheleni uhadi igama lakhe; Menzeleni umendo ophakamileyo, ulokhwela ecanda ezinkqantosini, Ogama lakhe linguYehova; nidlamke phambi kwakhe.

5 Uyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi, NguThixo ekhayeni lakhe elingcwele.

6 UThixo nguhlalisa endlwini ababebodwa, Ngukhuphela enywebeni ababanjiweyo; Ngabaziinjubaqa bodwa abahlala kwelibalelelweyo.

7 Thixo, ekuphumeni kwakho uphambi kwabantu bakho, Ekunyatheleni kwakho enkangala, (Phakamisani.)

8 Lanyikima ihlabathi, Lavuza izulu ebusweni bukaThixo, ISinayi leya ebusweni bukaThixo, uThixo kaSirayeli.

9 Walitshiza ngemvula eninzi yesisa sakho, Thixo, ilifa lakho; Lakubharha, walizimasa wena.

10 Wahlala khona umhlambi wakho, Wamlungisela olusizana ngokulunga kwakho, Thixo.

11 INkosi iya kukhupha izwi elinamandla, Ube mkhulu umkhosi weentokazi ezishumayela iindaba ezilungileyo.

12 Ookumkani bemikhosi baya kusaba besabile; Intokazi esele ekhaya iya kuwaba amaxhoba.

13 Nakulala phantsi phakathi kweentlanti, Noxelisa amaphiko evukuthu alekwe ngesilivere, Neentsiba zalo ezalekwe ngegolide ebengezelayo.

14 Ekubadubadubeni kukaSomandla ookumkani kulo, Koba mhlophe ngowekhephu eTsalimon.

15 Yintaba kaThixo intaba yaseBhashan, Yintaba encopho zininzi intaba yaseBhashan.

16 Niyigxeleshelani na, zintaba zincopho zininzi, Intaba ayinqweneleyo uThixo ukuba ahlale kuyo? Ewe, uYehova uya kuhlala kuyo ngonaphakade.

17 Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka; INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,

18 Unyuke waya phezulu, uthimbe abathinjwa, Uthabathe izipho phakathi kwabantu, Naphakathi kwabaziinjubaqa, ukuba ahlale uYehova uThixo khona.

19 Mayibongwe iNkosi; Ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla; NguThixo umsindisi wethu. (Phakamisani.

20 Yena uThixo kuthi nguThixo wosindiso, KokukaYehova, iNkosi yethu, ukukhupha ekufeni.

21 Kodwa uThixo uya kuyiphalusa intloko yeentshaba zakhe, Nentloko enesihlwitha yohambayo kwizigqitho zakhe.

22 Yathi iNkosi, Ndiya kuzibuyisa eBhashan, Ndiya kuzibuyisa iintshaba zakho ezinzulwini zolwandle;

23 Ukuze uziphaluse, unyawo lwakho lusegazini, Nolwimi lwezinja zakho lube nesabelo salo ezintshabeni.

24 Bakubona ukunyathela kwakho, Thixo, Ukunyathela koThixo wam, koKumkani wam, esebungcweleni.

25 Phambili ziimvumi, ngasemva ngababethi bohadi, Emacaleni ziintombi ezibetha iingqongqo.

26 Emabandleni bongani uThixo, INkosi, nina basemthonjeni wakwaSirayeli.

27 Balapho ooBhenjamin, inci yabo, umphathi wabo, Abathetheli bakwaYuda, ihlokondiba labo; Abathetheli bakwaZebhulon, abathetheli bakwaNafetali.

28 UThixo wakho wakuwisela umthetho wokuba uqine; Kuqinise, Thixo, oko usenzeleyo.

29 Bevela etempileni yakho eyongamele iYerusalem, Ookumkani mabeze nezithabathaba kuwe.

30 Khalimela amarhamncwa asengcongolweni, Umhlambi weenkunzi eziziimbalasane, kunye namathole ezizwe, Ukuze baziwise benezijungqe zesilivere. Wazibhangisa izizwe eziyithandayo imfazwe.

31 Kovela amanono eYiputa; UKushi wozolulela msinya izandla zakhe kuThixo.

32 Zikumkani zehlabathi, vumani kuThixo, Niyibethele uhadi iNkosi; (Phakamisani.)

33 Ekhwela ecanda emazulwini awo amazulu amandulo; Nanko elikhupha ilizwi lakhe, ilizwi elinamandla.

34 Mnikeni amandla uThixo; Buphezu koSirayeli ubungangamsha bakhe; Asesibhakabhakeni amandla akhe.

35 UloThixo woyikekayo ezingcweleni zakho. UloThixo kaSirayeli, ubanikayo amandla nokomelela abantu. Makabongwe uThixo.

<< ← Prev Top Next → >>