Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Ndizimela ngawe, Yehova, Mandingaze ndidane naphakade:

2 Ngobulungisa bakho ndihlangule, ndisize; Ndithobele indlebe yakho, undisindise.

3 Yiba liliwa elilikhaya kum, ndize kulo ngamaxesha onke. Uwise umthetho wokuba ndisindiswe, Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe.

4 Thixo wam, ndisize esandleni songendawo, Esandleni sogqwethayo nosisibhovubhovu.

5 Ngokuba ulithemba lam, Nkosi yam, Yehova, Inkoloseko yam kwasebuncinaneni bam.

6 Ndixhaswe nguwe kwasesizalweni; Nguwe owandityhobozisayo ezibilinini zikama. Indumiso yam ingawe ngamaxesha onke.

7 Ndinjengesimanga kwabaninzi; Ke wena ulihlathi lam elinqabileyo.

8 Umlomo wam uya kuzala yindumiso yakho, Sisihombo sakho imini yonke.

9 Musa ukundilahla ngexesha lobuxhego; Musa ukundishiya akuphela amandla am.

10 Ngokuba zithetha ngam iintshaba zam; Abawulindayo umphefumlo wam bayacebisana,

11 Besithi, UThixo umlahlile; Msukeleni nimbambe, ngokuba akukho mhlanguli.

12 Thixo, musa ukuba kude kum; Thixo wam, khawuleza undincede.

13 Mabadane, bagqitywe, abawuchasayo umphefumlo wam, Bathiwe wambu yingcikivo nehlazo abafuna ukuba ndihlelwe bububi.

14 Ke mna ndiya kuhlala ndilindile, Ndongeze endumisweni yakho yonke.

15 Umlomo wam uya kubalisa ngemisebenzi yobulungisa bakho, Neyosindiso lwakho imini yonke, ngokuba ndingawazi amanani ayo.

16 Ndiya kuza nemisebenzi yobugorha beNkosi uYehova; Ndiya kukhankanya ubulungisa bakho, bakho wedwa.

17 Thixo, undifundisile kwasebuncinaneni bam; Unangoku ndiyayixela imisebenzi yakho ebalulekileyo.

18 Thixo, musa ukundishiya kude kuye ebuxhegweni nasezimvini; Ndide ndiyixele ingalo yakho kwisizukulwana esitsha, Nobugorha bakho kubo bonke abaya kuza.

19 Thixo, ubulungisa bakho buye bafika phezulu; Wena uzenzayo izinto ezinkulu, Thixo, ngubani na onjengawe?

20 Wena, usibonisileyo iimbandezelo ezininzi ezinobubi, Uya kubuya usiphilise, Ubuye usirhole ezinzonzobileni zamanzi ehlabathi;

21 Uya kubandisa ubukhulu bam, Ubuye wena undithuthuzele.

22 Ndiya kuyibulela nokuyibulela kuwe ngomrhubhe Inyaniso yakho, Thixo wam; Ndiya kukubethela uhadi, Ngcwele kaSirayeli.

23 Uya kumemelela umlomo wam, ndakukubethela uhadi, Nomphefumlo wam owukhululeyo;

24 Nolwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho imini yonke, Ngokuba bedanile beneentloni abafuna ukuba ndihlelwe bububi.

<< ← Prev Top Next → >>