Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 EkaSolomon. Thixo, mnike ukumkani imigwebo yakho, Mnike unyana wokumkani ubulungisa bakho.

2 Makagwebe ebantwini bakho ngobulungisa, Nakwabaziintsizana zakho ngokwesiko.

3 Iintaba mazibathwalele uxolo abantu, Kwaneenduli zibathwalele ebulungiseni.

4 Makagwebe ityala labaziintsizana ebantwini, Asindise oonyana bamahlwempu, Abatyumze abacudisi.

5 Mabakoyike, ukuhlala elihleliyo ilanga Kwanenyanga, izizukulwana ngezizukulwana.

6 Makehle njengemvula ehla phezu kotyani obusikwayo, Njengeziphango, njengemvula emathontsi makhulu, emhlabeni.

7 Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa, Nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga.

8 Makaphathe ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle, Ethabathela kuwo uMlambo ase eziphelweni zehlabathi.

9 Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu, Zikhothe uthuli iintshaba zakhe.

10 Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo; Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba;

11 Baqubude kuye bonke ookumkani, Zimkhonze sonke iintlanga.

12 Ngokuba uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, Nabaziintsizana abangenaluncedo;

13 Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; Asindise imiphefumlo yamahlwempu;

14 Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; Linqabile emehlweni akhe igazi lawo.

15 Uya kuphila anikwe igolide yakwaShebha, Bahlale bemthandazela, Bamsikelele imini yonke.

16 Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba; Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon; Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba.

17 Malibe ngunaphakade igama lakhe; Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga, Bazisikelele ngaye; Mazithi zonke iintlanga ungonoyolo.

18 Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli. Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa.

19 Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade, Lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe. Amen, amen.

20 Iphelile imithandazo kaDavide unyana kaYese.

<< ← Prev Top Next → >>