Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Eyokuqiqa; eka-Asafu. Yini na Thixo, ukuba uhlale usihlambile, Uqhume umsindo wakho kwizimvu zedlelo lakho?

2 Likhumbule ibandla lakho olithengileyo kwakudala, Olikhululeyo, laba sisizwe selifa lakho; Intaba yaseZiyon, ohleli kuyo.

3 Phakamisa ukunyathela kwakho, ukuya kumanxuwa ahlala ehleli: Utshaba luvive into yonke engcweleni.

4 Babharhula ababandezeli bakho endaweni yokuhlangana phakathi; Bamisa eyabo imiqondiso, yaba yiyo eyimiqondiso.

5 Kwanga kungenelwe Intshinyela yemithi ngezixengxe.

6 Kungoku, uqoqo lwayo lonke Balucanda ngamazembe neengxobonga.

7 Bayifaka umlilo ingcwele yakho; Bawuhlambela ngokuwuwisela emhlabeni umnquba wegama lakho.

8 Bathi ezintliziyweni zabo, Siya kubanyanzelela phantsi kuphele; Bazitshisile zonke iindawo zikaThixo zokuhlangana ezweni apha.

9 Imiqondiso yethu asiyiboni, Akusekho mprofeti; Kuthi akukho waziyo ukuba koda kuse phi na kunjalo.

10 Kunini na, Thixo, umbandezeli engcikiva? Utshaba luhleli luligiba igama lakho?

11 Usifinyezeleni na isandla sakho, nesokunene sakho? Sirhole esifubeni sakho, ulugqibe.

12 Ke uThixo nguKumkani wam kwakumandulo, Ulosebenza usindiso phakathi kwehlabathi lonke.

13 Nguwe owahlula ulwandle ngamandla akho, Owaphula iintloko zeengwenya emanzini.

14 Nguwe owaxhaxha iintloko zeleviyatan, Wazinika zakukudla kubantu, kubemi bomqwebedu.

15 Nguwe owagqobhoza yayimithombo, yayimilanjana; Nguwe owomisa imilambo engomiyo.

16 Yeyakho imini, bobakho nobusuku; Nguwe owalungisa ukukhanya nelanga.

17 Nguwe owamisa yonke imida yehlabathi; Ihlobo, nobusika, nguwe owazibumbayo ezo zinto.

18 Khumbula oku; utshaba lungcikiva uYehova, Abantu abanobudenge baligibile igama lakho.

19 Musa ukuwunikela erhamncweni umphefumlo wehobe lakho; Ungahlali uwulibele umhlambi wakho oziintsizana.

20 Bheka emnqophisweni, Ngokuba iindawo ezimnyama zelizwe zizele zizindlu zogonyamelo.

21 Makangabuyi otyumkileyo ehlazisiwe; Makalidumise igama lakho olusizana nolihlwempu.

22 Khawusuk’ ume, Thixo, ubambane nababambene nawe; Khumbula ukukungcikiva kwesidenge yonke imini.

23 Musa ukulilibala izwi lababandezeli bakho, Ukungxola kwabasukela phezulu kuwe, okuhlala kunyuka.

<< ← Prev Top Next → >>