Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Ingoma. Umhobe ka-Asafu. Thixo, musa ukuthi cwaka, Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo.

2 Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela; Abakuthiyayo baphakamisa intloko.

3 Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho, Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.

4 Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga, Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.

5 Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye, Benza umnqophiso ngawe:

6 Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli, AmaMowabhi namaHagari,

7 AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki, AmaFilisti kunye nabemi baseTire;

8 Nama-Asiriya athelele kubo, Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)

9 Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan, NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.

10 Batshabalala e-Endore, Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.

11 Benze bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe; Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengoTsalimuna;

12 Bona bathi, Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo.

13 Thixo wam, benze babe njengesaqhwithi, Njengomququ phambi komoya.

14 Njengomlilo odla ihlathi, Njengedangatye lilenya intaba,

15 Yenjenjalo ukubasukela ngoqhwithela lwakho, Ubakhwankqise ngomoya wakho ovuthuzayo.

16 Buzalise ubuso babo ngehlazo, Balifune igama lakho, Yehova.

17 Mabadane bakhwankqiswe ngonaphakade, Babe neentloni, badake;

18 Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke.

<< ← Prev Top Next → >>