Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Ingoma; umhobe woonyana bakaKora; kumongameli; ngosizi, ngelidambileyo. Owokuqiqa kaHeman umEzra. Yehova, Thixo ongumsindisi wam, Mhlenikweni ndikhalayo ebusuku phambi kwakho,

2 Mawuze phambi kwakho umthandazo wam; Thoba indlebe yakho ekuhlahlambeni kwam.

3 Ngokuba umphefumlo wam uhluthi zizinto ezimbi, Ubomi bam bufike kwelabafileyo.

4 Ndibalelwe kwabahla baye emhadini, Ndisuke ndanjengomfo ongenamandla

5 Ndingumkhululwa phakathi kwabafileyo, Njengababuleweyo, belele engcwabeni, Ongasabakhumbuliyo; Bona banqunyulweyo esandleni sakho.

6 Undibeke emhadini ongaphantsi, Ezindaweni ezimnyama, ezinzulwini.

7 Ubushushu bakho bundishicilele, Undithobele onke amaza akho alwayo. (Phakamisani.)

8 Ubashenxisele kude kum abo ndazana nabo, Undenze isikizi kubo; Ndivalelwe, andinakuphuma.

9 Iliso lam liyaphela yingcinezelo. Ndidanduluka kuwe, Yehova, yonke imini, Ndizolulela kuwe izandla zam.

10 Uya kuyenzela abafileyo na imisebenzi ebalulekileyo? Kuya kuvuka abangasekhoyo, kusini na, babulele kuwe? (Phakamisani.)

11 Ibaliswa engcwabeni na inceba yakho? Enzonzobileni na, ukunyanisa kwakho?

12 Yaziswa emnyameni na imisebenzi yakho ebalulekileyo? Baziswa ezweni lokulibala na ubulungisa bakho?

13 Ke mna, Yehova, ndizibika kuwe, Kwakusasa umthandazo wam wokuhlangabeza.

14 Uwuhlambelani na, Yehova, umphefumlo wam? Ubusitheliselani na ubuso bakho kum?

15 Ndilusizana, ndiyinto efayo kwasebuncinaneni bam, Ndithwele izothuso zakho, lindikhohlile.

16 Kugqithe phezu kwamukuvutha kwakho, Izidandathekiso zakho zindibhangisile;

17 Zindijikelezile njengamanzi imini yonke, Zindizungulezile kwaphela.

18 Umsusile kum ondithandayo nonguwethu; Abo ndazana nabo babubumnyama.

<< ← Prev Top Next → >>