Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Umthandazo kaMoses, umfo wakwaThixo. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi, Isizukulwana ngesizukulwana.

2 Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.

3 Umbuyisela umntu eluthulini, Uthi, Buyani, nyana babantu.

4 Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akho Linjengemini yezolo, xa idluleyo, Linjengomlindo wasebusuku.

5 Uyabakhukulisa, balale; Ngengomso babuya bahlume njengotyani.

6 Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume; Ngokuhlwa buyasikwa bome.

7 Ngokuba siyaphela ngumsindo wakho, Sikhwankqiswe bubushushu bakho.

8 Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho, Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.

9 Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho, Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.

10 Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe; Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo, Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.

11 Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho, Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako?

12 Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.

13 Buya, Yehova, kunini na? Uzohlwaye ngenxa yabakhonzi bakho.

14 Sihluthise kwakusasa ngenceba yakho, Simemelele, sivuye yonke imihla yethu.

15 Sivuyise ngangemihla owasicinezela ngayo. Ngangeminyaka esabona ububi ngayo.

16 Mayibonakale kubakhonzi bakho imisebenzi yakho, Nobungangamela bakho koonyana babo.

17 Ubumnandi bukaYehova mabube phezu kwethu. Zimasa isenzo sezandla zethu phezu kwethu, Isenzo sezandla zethu usizimase sona.

<< ← Prev Top Next → >>