Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Thixo wempindezelo, Yehova, Thixo wempindezelo, bengezela!

2 Phakama, Mgwebi wehlabathi! Babuyisele impatho yabo abanekratshi.

3 Kunini na abangendawo, Yehova, Kunini na abangendawo bevuyelela?

4 Balephuza amagwebu, bathetha ngokusa, Bayandolosa bonke abasebenzi bobutshinga.

5 Batyumza abantu bakho, Yehova, Bacinezela ilifa lakho.

6 Babulala umhlolokazi nowasemzini, Bancinitha inkedama.

7 Bathi ke, Akaboni uYehova, Akagqali uThixo kaYakobi.

8 Qondani, nina bazizityhakala ebantwini; Nina zinyabi, niya kuqiqa nini na?

9 Omilisele indlebe, akayi kuva na? Obumbe iliso, akayi kukhangela na?

10 Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na, Ulofundisa abantu ukwazi?

11 UYehova ngumazi weengcinga zabantu, Ukuba zingumphunga.

12 Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova, Oyifundisayo ngomyalelo wakho;

13 Ukuba uyizolise eziminini zobubi, Ade ambelwe isihogo ongendawo.

14 Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe, Akalishiyi ilifa lakhe.

15 Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni, Balilandele bonke abantliziyo zithe tye.

16 Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam? Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?

17 Koko uYehova abe luncedo lwam, Umphefumlo wam unge uhle msinya, waya apho kuthiwa cwaka khona.

18 Ukuba ndithi, Lwatyibilika unyawo lwam, Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase.

19 Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam, Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.

20 Ingaqhelana nawe na itrone yolweyeliselo, Ebumba ububi ngommiselo?

21 Bahlanganyela umphefumlo welungisa, Baligwebe igazi elimsulwa.

22 Kanti ke uYehova uyingxonde kum, UThixo wam liliwa endizimela ngalo.

23 Ububuyisela phezu kwabo ubutshinga babo, Uba bhangisa ngobubi babo; Uya kubabhangisa uYehova, uThixo wethu.

<< ← Prev Top Next → >>