Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Umthandazo wolusizana xa atyhafileyo, ephalaza iinkalazo zakhe phambi koYehova. Yehova, wuve umthandazo wam, Kufike kuwe ukuzibika kwam.

2 Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam, Ndithobele indlebe yakho; Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.

3 Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi; Amathambo am avutha njengeziko.

4 Ibethwe yoma njengomfuno intliziyo yam, Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam.

5 Ngenxa yezwi lokugcuma kwam Amathambo am atshele enyameni yam.

6 Ndifana nengcwangube yentlango, Ndinjengesikhova sasemanxoweni.

7 Andilali; Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.

8 Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam, Abandigezelayo bathuka ngam.

9 Ngokuba ndidle uthuthu njengesonka, Into endiyiselayo ndiyiphithikeze nezililo,

10 Ngenxa yokubhabhama kwakho noburhalarhume bakho; Ngokuba undifunqule wandilahla.

11 Imihla yam injengokoluka kwamathunzi; Mna ndomile njengomfuno.

12 Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade, Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.

13 Uya kusuk’ ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane; Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.

14 Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo, Uthuli lwayo banofefe ngalo.

15 Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova, Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;

16 Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova, Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.

17 Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo, Akawudela umthandazo wabo.

18 Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo, Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.

19 Ngokuba uqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele; Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,

20 Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo, Abakhulule oonyana bokufa;

21 Bancokole eZiyon ngegama likaYehova, Ngendumiso yakhe eYerusalem;

22 Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye, Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.

IiNdumiso 102:22 - Psalmist David: Praise & Thanks
Psalmist David: Praise & Thanks
23 Uwathobile endleleni amandla am, Uyinqamle imihla yam.

24 Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam. Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho.

25 Waliseka kudala ihlabathi; Lisisenzo sezandla zakho izulu.

26 Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume; Zona zonke ziya konakala njengengubo, Wozigugisa njengesambatho, ziguge;

27 Ke wena uhleli unguwe, Iminyaka yakho ayinakuphela.

28 Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala, Imbewu yabo izimaseke phambi kwakho.

<< ← Prev Top Next → >>