Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe; Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.

2 Vumani kuye, mbetheleni uhadi; Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.

3 Qhayisani ngegama lakhe elingcwele; Mayivuye intliziyo yabamquqelayo uYehova.

4 Ngxamelani uYehova namandla akhe; Funani ubuso bakhe ngamaxesha onke.

5 Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo, Izimanga zakhe, nezigwebo zomlomo wakhe,

6 Mbewu ka-Abraham, yomkhonzi wakhe, Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.

7 NguYehova uThixo wethu yena; Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.

8 Uwukhumbula ngonaphakade umnqophiso wakhe, Ilizwi awalimisela iwaka lezizukulwana;

9 Awanqophisana ngalo noAbraham, Awalifungela uIsake;

10 Awalimisayo ukuba libe ngummiselo kuYakobi, Libe ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;

11 Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan, Libe licandelo lelifa lenu;

12 Besengamadoda ambalwa, Bebancinane, bengabaphambukeli kulo.

13 Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga, Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.

14 Akavumelanga mntu ukuba abacudise, Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;

15 Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam, Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.

16 Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe, Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.

17 Wathuma indoda phambi kwabo; Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.

18 Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhamandela, Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;

19 Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe, Intetho kaYehova yamnyibilikisa.

20 Ukumkani wathuma, wamkhulula, Umlawuli wezizwe wamvulela;

21 Wamenza inkosi yendlu yakhe, Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,

22 Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe, Amadoda akhe amakhulu awafundise ubulumko.

23 Waza uSirayeli waya eYiputa, UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.

24 Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe, Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.

25 Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe, Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.

26 Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe, NoAron awamnyulayo.

27 Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe, Nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.

28 Wathumela ubumnyama, kwaba mnyama; Ababa nakuwaphikisa amazwi akhe.

29 Wawaguqula amanzi abo, aba ligazi, Wazibulala iintlanzi zabo.

30 Ilizwe labo lanyakazela amasele Ezingontsini zookumkani babo.

31 Wathetha, zafika izibawu, Iingcongconi, emideni yabo yonke.

32 Wabanika isichotho, saba yimvula; Umlilo walenya ezweni labo.

33 Wayibetha imidiliya yabo nemikhiwane yabo, Wayishwaqa imithi yemida yabo.

34 Wathetha, kwafika iinkumbi ezandayo, Nezikhothululayo, into engenakubalwa;

35 Zayidla imifuno yonke ezweni labo, Zazidla iziqhamo zomhlaba wabo.

36 Waza wababulala bonke abamazibulo ezweni labo, Intlahlela yamandla abo onke.

37 Wabakhupha ke abakhe benesilivere negolide, Akwabakho ukhubekayo ezizweni zakhe.

38 Lavuya iYiputa ekuphumeni kwabo, Ngokuba lifikelwe kukunkwantyisa kwabo.

39 Waneka ilifu lokubasitha, Nomlilo wokukhanyisa ebusuku.

40 Babiza, wazisa izagwityi, Wabahluthisa nangesonka sasezulwini.

41 Wavula iliwa, abaleka amanzi, Ahamba engumlambo emqwebedwini.

42 Ngokuba wakhumbula ilizwi lakhe elingcwele, Wakhumbula uAbraham umkhonzi wakhe.

43 Wabakhupha abantu bakhe benemihlali, Abanyulwa bakhe bememelela.

44 Wabanika amazwe eentlanga, Bayihlutha inzuzo yokwaphuka kwezizwe,

45 Ukuze bayigcine imimiselo yakhe, Bayibambe imiyalelo yakhe. Haleluya!

<< ← Prev Top Next → >>