Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Thixo wendumiso yam, musa ukuthi tu;

2 Ngokuba bandakhamisele umlomo ongendawo, nomlomo onenkohliso; Bathetha ngam ngolwimi lobuxoki.

3 Bandijikele ngeentetho zentiyo; Balwa nam ngelize.

4 Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandichasa, Ndibe mna ndithandaza.

5 Endaweni yobulungisa bandibuyekeza ngobubi; Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandithiya.

6 Misa ongendawo, abe ngumveleli wakhe, Eme uSathana ngasekunene kwakhe.

7 Ekuthethweni kwetyala makaphume engongendawo, Nomthandazo wakhe ube sisono.

8 Imihla yakhe mayibe mbalwa, Mabuthatyathwe ngomnye ubuveleli bakhe.

9 Oonyana bakhe mababe ziinkedama, Nomkakhe abe ngumhlolokazi;

10 Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela, Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo.

11 Umboleki-mali makakushwankathele konke anako, Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe.

12 Makungabikho wolulela nceba kuye, Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.

13 Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa, Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.

14 Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise, Singacinywa isono sonina.

15 Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke, Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;

16 Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba, Etshutshise indoda elusizana, Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.

17 Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela; Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kude kuye.

18 Wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe, Kwangena embilinini wakhe njengamanzi, Nanjengeoli emathanjeni akhe.

19 Makube njengengubo kuye, azithe wambu ngayo, Kube luqhwemesha, alunxibe amaxesha onke.

20 Nguwo lowo umvuzo wabandichasayo, ophuma kuYehova, Wabathetha okubi ngomphefumlo wam.

21 Ke wena Yehova, Nkosi, ndenzele ngenxa yegama lakho; Ngokokuba ilungile inceba yakho; ndihlangule.

22 Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu, Intliziyo yam ihlatyiwe phakathi kwam.

23 Ndinjengethunzi xa lolukayo, ndiyemka; Ndiphetshethwa njengenkumbi.

24 Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla, Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba.

25 Ndithe ndasisingcikivo kubo; Bendibona, bahlunguzela intloko.

26 Ndincede, Yehova, Thixo wam, Ndisindise ngokwenceba yakho;

27 Bazi ukuba sisandla sakho eso, Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.

28 Bayaqalekisa aba, uyasikelela wena; Besukile bema, baya kudana; uya kubuya yena umkhonzi wakho.

29 Abandichasayo baya kwambatha ihlazo, Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.

30 Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam, Ndimdumise phakathi kwabaninzi;

31 Kuba emi ekunene kolihlwempu, Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe.

<< ← Prev Top Next → >>