Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2 Makathi uSirayeli, Ingunaphakade inceba yakhe.

3 Mayithi indlu ka-Aron, Ingunaphakade inceba yakhe.

4 Mabathi abamoyikayo uYehova, Ingunaphakade inceba yakhe.

5 Ndabiza uYehova ndisengxingongweni; Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.

6 UYehova ungakum, andoyiki; Angandenza ntoni na umntu?

7 UYehova ungakum ngokundinceda; Ndiya kubona mna kwabandithiyayo.

8 Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu.

9 Kulungile ukuzimela ngoYehova Ngaphezu kokukholosa ngamanene.

10 Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.

11 Zingafanelana zindirhawule zandirhawula: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.

12 Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi: Zocinywa njengomlilo weentsasa; Egameni likaYehova inene ndozinqumla.

13 Undityhale ngamandla wena ukuba ndiwe; Kodwa uYehova wandinceda.

14 Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova, Waba lusindiso kum.

15 Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi, Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;

16 Isandla sokunene sikaYehova siphakamile; Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa.

17 Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi, Ndibalise ngezenzo zikaYehova.

18 UYehova undithethise kakhulu, Ke akandinikela ekufeni.

19 Ndivuleleni amasango obulungisa; Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.

20 Nali isango likaYehova, Amalungisa angena ngalo.

21 Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule, Waba lusindiso kum.

22 Ilitye abalilahlayo abakhi Laba yintloko yembombo.

23 Kuvele kuYehova oku, Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.

24 Le yimini ayenzileyo uYehova, Masigcobe sivuye ngayo.

25 Yehova, camagu, khawusindise, Yehova, camagu, khawuhlangule.

26 Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova, Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.

27 UYehova nguThixo, usikhanyisela; Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo, Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.

28 UnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe; UnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa.

29 Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

<< ← Prev Top Next → >>