Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Ingoma yezinyuko. Yehova, mkhumbulele uDavide Ukucinezeleka kwakhe konke;

2 Yena wamfungelayo uYehova, Wabhambathisa kwimbalasane enguThixo kaYakobi,

3 Esithi, Andiyi kungena ententeni eyindlu yam, Andiyi kunyuka ndiye esililini, emandlalweni wam;

4 Andiyi kuwanika amehlo am ubuthongo, Neenkophe zam ukozela:

5 Ndide ndimfumanele indawo uYehova, Ndiyifumanele umnquba imbalasane kaYakobi.

6 Khangela, sawuva e-Efrata, Sawufumana ezintilini zaseKiriyati-yeharim.

7 Masingene emnqubeni wakhe, Siqubude esihlalweni seenyawo zakhe.

8 Khawusuk’ ume, Yehova, uze ekuphumleni kwakho, Wena netyeya yamandla akho.

9 Ababingeleli bakho mabambathe ubulungisa, Bamemelele abakho benceba.

10 Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho, Musa ukubutyhala ubuso bomthanjiswa wakho.

11 UYehova wamfungela uDavide; Inyaniso, akayi kubuya kuloo nto, Esithi, Esiqhameni sezibilini zakho Ndimisa oya kuba setroneni yakho.

12 Ukuba bathe oonyana bakho bawugcina umnqophiso wam, Nesingqiniso sam endibafundisayo: Oonyana babo bothi nabo bahlale Etroneni yakho nanini.

13 Ngokuba uYehova uyinyule iZiyon, Uyinqwenele ukuba ibe likhaya lakhe;

14 Esithi, Nantsi indawo yam yokuphumla kwam nanini; Ndiya kuhlala apha, ngokuba oko ndikunqwenele.

15 Umphako wayo ndiya kuwusikelela kunene; Amahlwempu ayo ndiya kuwahluthisa ngesonka,

16 Ndibambathise ngosindiso ababingeleli bayo, Abenceba bayo bamemelele bememelela.

17 Apho ndiya kumhlumisela uphondo uDavide, Ndiya kumlungisela isibane umthanjiswa wam.

18 Iintshaba zakhe ndiya kuzambathisa udano; Ke phezu kwakhe yena siya kutyatyamba isithsaba sakhe.

<< ← Prev Top Next → >>