Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 EkaDavide. Makabongwe uYehova, uliwa lam, Ulofundisa izandla zam ukulwa, Iminwe yam imfazwe.

2 Unceba yam, umboniselo yam, Ungxonde yam, umsindisi wam, mna lo; Ungweletshetshe yam, undizimela ngaye; Ulonyathelela abantu bam phantsi kwam.

3 Yehova, uyintoni na umntu, le nto umaziyo? Unyana womfo, le nto umnyamekelayo?

4 Umntu lo ufana nomphunga, Imihla yakhe injengethunzi elidlulayo.

5 Yehova, thoba amazulu akho, uhle; Phatha ezintabeni, ziqhume.

6 Banekisa imibane, uziphangalalise; Thuma iintolo zakho, uziduba-dube.

7 Thuma izandla zakho, zivele phezulu; Ndirhole, ndihlangule emanzini amakhulu. Esandleni soonyana bolunye uhlanga;

8 Abamlomo uthetha inkohlakalo, Abasandla sokunene sisesokunene sobuxoki.

9 Thixo, ndokuvumela ingoma entsha, Ndikubethele umrhubhe ontambo zilishumi;

10 Ulonika ookumkani usindiso, Ulohlangula uDavide umkhonzi wakhe ekreleni elinobubi.

11 Ndirhole, ndihlangule esandleni soonyana bolunye uhlanga, Abamlomo uthetha inkohlakalo, Abasandla sokunene sisesokunene sobuxoki;

12 Baze oonyana bethu babe njengezityalo ezikhulileyo ebutsheni babo; Iintombi zethu zibe njengeembombo ezivathisiweyo ngeemfakamfele ngokokwakhiwa kwebhotwe;

13 Oovimba bethu bazale, bavelise iintlobo ngeentlobo; Iigusha zethu zizale amawaka, zande ngezigidi emaphandleni ethu;

14 Iinkomo zethu zizale, Kungabikho kungenelwa, kungabikho kuthinjwa, Kungabikho kuhlahlamba ezitratweni zethu.

15 Hayi, uyolo lwabantu ekunjalo kubo! Hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!

<< ← Prev Top Next → >>