Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Eyokudumisa kaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, Ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade.

2 Imihla yonke ndiya kukubonga, Ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.

3 Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu; Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.

4 Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho, Kuxelwe ubugorha bakho.

5 Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho; Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca.

6 Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo, Ndibalise ngobukhulu bakho.

7 Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu, Bamemelele ngobulungisa bakho.

8 Unobabalo nemfesane uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.

9 Ulungile uYehova kubo bonke, Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.

10 Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho, Bakubonge abakho benceba;

11 Uzuko lobukumkani bakho balutsho, Bathethe ngobugorha bakho.

12 Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe, Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.

13 Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke, Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.

14 UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo, Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.

15 Amehlo eento zonke akhangele kuwe, Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;

16 Uyasivula isandla sakho, Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.

17 Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, Unenceba ngezenzo zakhe zonke.

18 Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso.

19 Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, Akuve ukuzibika kwabo, abasindise.

20 UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, Abatshabalalise bonke abangendawo.

21 Umlomo wam mawuthethe indumiso kaYehova, Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade.

<< ← Prev Top Next → >>