Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;

2 Kuba iya kukongeza imihla emide, Neminyaka yobomi, noxolo.

3 Inceba nenyaniso mayingakushiyi; Zinxibe kuwe emqaleni; Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho,

4 Ubabalwe ube nengqiqo entle Emehlweni kaThixo nawabantu.

5 Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.

6 Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho.

7 Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi.

8 Ukuphila kobakho enkabeni yakho, Nokuqina emathanjeni akho.

9 Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:

10 Ozala amaqonga akho bubuninzi, Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.

11 Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, Ungakruquki sisohlwayo sakhe;

12 Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.

13 Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!

14 Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.

15 Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.

16 Imihla emide isesandleni sabo sokunene, Kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko.

17 Iindlela zabo ziindlela ezimnandi, Wonke umendo wabo uluxolo.

18 Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, Unoyolo obubambayo.

19 UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko, Walizinzisa izulu ngengqondo.

20 Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe, Savuza umbethe isibhakabhaka.

21 Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho: Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo.

22 Zoba bubomi emphefumlweni, Nento entle emqaleni wakho.

23 Uya kwandula uhambe ngendlela yakho ukholosile. Lungabetheki unyawo lwakho.

24 Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho.

25 Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe, Nasithonga sabangendawo, sakufika.

26 Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.

27 Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza.

28 Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wobuya uze, Ndokunika ngomso; Kanti unayo.

29 Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho, Ehleli nawe yena ekholosile.

30 Musa ukubambana nomntu kungekho nto, Engakuphathanga kakubi nje.

31 Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, Unganyuli nanye kwiindlela zayo.

32 Kuba othi gu bucala ulisikizi kuYehova; Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe.

33 Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; Ke isithili samalungisa uyasisikelela.

34 Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka; Ke abalulamileyo uyabababala.

35 Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko; Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.

<< ← Prev Top Next → >>