Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Nyana wam, gcina intetho yam, Uyiqwebele kuwe imithetho yam.

2 Gcina imithetho yam, udle ubomi; Nesiyalo sam, njengokhozo lweliso lakho.

3 Yibophe eminweni yakho, Yibhale emacwecweni entliziyo yakho.

4 Yithi kubulumko, Ungudade wethu; Uthi, Ingqondo sisihlobo;

5 Ukuze ugcinwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo.

6 Kuba ngefestile yendlu yam, Ndingasemva kwenqwanqwa, ndalunguza;

7 Ndabona phakathi kweziyatha, Ndaqonda phakathi kwamadodana, Umfana oswele intliziyo;

8 Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu, Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe;

9 Ngongcwalazi, ukumka komhla, Naphakathi kobusuku esithokothokweni.

10 Nanko umfazi emkhawulela, Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.

11 Uyaphithizela, uyinjubaqa; Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.

12 Uthi ephandle, abe esezitratweni, Alale kufuphi neembombo zonke.

13 Wambamba ke, wamanga, Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,

14 Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam, Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.

15 Ngenxa yoko ndiphume ndeza kukukhawulela, Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.

16 Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo, Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;

17 Ndisifefe isilili sam Ngemore, nehaloti, nesinamon.

18 Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse, Sizidlamkise ngothando.

19 Kuba indoda ayikho ekhaya, Ihambe uhambo olude;

20 Iphethe ingxowa yemali; Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.

21 Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe, Wamwexula ngokumcenga kwakhe.

22 Wamlandela ke ngesiquphe, Njengenkomo isiya ekuxhelweni, Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela,

23 Njengentaka ikhawulezela esibatheni; Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo, Lude utolo lusicande isibindi sakhe.

24 Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni, Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam.

25 Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe, Ungandwendweli emendweni wakhe.

26 Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo; Linani elikhulu alibuleleyo.

27 Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe, Zihla ziye ezingontsini zokufa.

<< ← Prev Top Next → >>