Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Ubulumko buyakhile indlu yabo, Buzixholile iintsika zabo zosixhenxe;

2 Buzixhelile iinkomo zabo, buyiphithikezile iwayini yabo; Busilungisile nesithebe sabo;

3 Buthume umthinjana wabo, buyamema Ezingqolweni zeenduli zesixeko, buthi,

4 Ngubani na osisiyatha? Makaphambukele apha. Oswele intliziyo, buthi kuye,

5 Yizani nidle isonka sam, Nisele iwayini endiyiphithikezileyo.

6 Yekani ukuba ziziyatha, niphile, Ninyathele endleleni yengqondo.

7 Othethisa umgxeki uzizekela ucukucezo; Owohlwaya ongendawo uzizekela isiphako.

8 Musa ukumohlwaya umgxeki, hleze akuthiye; Yohlwaya isilumko, sokuthanda.

9 Siluleke isilumko, solumka okunye; Lazise ilungisa, lokongeza ukufunda.

10 Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova; Ukumazi oyiNgcwele kwaphela yingqondo.

11 Kuba yoba mininzi imihla yakho, Wongezwe iminyaka yobomi.

12 Ukuba uthe walumka, uzilumkela okwakho; Ukuba uthe wagxeka, oko wokuthwala wedwa.

13 Umfazi onguNonyabi uyaxokozela, Unobuyatha, akazi nto;

14 Uhleli emnyango endlwini yakhe esihlalweni, Ezindaweni eziphezulu zesixeko,

15 Ukuba ameme abadlula ngendlela, Abalungelelanisa umendo wabo, esithi,

16 Ngubani na osisiyatha? Makaphambukele apha. Koswele intliziyo, uthi yena,

17 Amanzi abiweyo anencasa, Nesonka esityiwa ngasese simnandi kunene.

18 Akazi ukuba abafileyo bakhona; Basezinzulwini zelabafileyo abamenywa bakhe. Imizekeliso kaSolomon.

<< ← Prev Top Next → >>